19.7 C
King William's Town
Thursday, December 5, 2024

Isebe lophuhliso loluntu belibambe iseshoni yolwaluleko kwisikolo samabanga aphantsi iZwelemfundo

Isebe lophuhliso loluntu libambe iseshoni yolwaluleko kwisikolo samabanga aphantsi iZwelemfundo nabasinde kwi nyikitya yase Tavern .

Oku kuza emva kokuba kubhubhe ulutsha olukwishumi elinanye eNyobeni tavern eScenery Park.

Umlawuli wesebe lophuhliso loluntu uAfrika Siziba uthe bafuna ukunceda ulutsha olusinde kule ntlekele kunye nabo babone umhlobo wabo ebhubha phambi kwabo, wongeze ngelithi oonontlalontle bakwandwendwela iintsapho ezibhujelwe ngabantwana babo kule ntlekele.

Abazali bebe bakhaphile abantwana.

UNamhla Makhanda obeye kusindisa intombi yakhe Enyobeni ngentseni yangeCawe. Uthe kufuneka abe krwada kwindoda emi kumnyango wethaveni ukuze akwazi ukusindisa intombi yakhe. Wongeze ngelithi oko akubonayo kumkhathaza kakhulu.

UMakhanda uthe: “Xa evula ucango ndabona abafana ababhubhileyo belele phantsi, ndazama ukuzixelela ukuba abalali bengafanga ukuze ndibe nesibindi sokufumana umntwana wam. Ndiye ndakhwaza ilizwi lakhe ndamfumana ekoneni engakwazi nokuvuka ndamthatha ndambalekisa esibhedlele.”

Ulwaluleko ngoko mphefumlo luzakuqhubeka de abantwana bafumane isiqabu.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
19.7 ° C
19.7 °
19.7 °
72 %
4.6kmh
99 %
Thu
19 °
Fri
28 °
Sat
20 °
Sun
30 °
Mon
31 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks