By Asipile Kitchen.
Abecuphi beNkonzo yesiPolisa eMzantsi Afrika eAlgoa Park bacela nabani na onokuthi anike ulwazi olungakhokelela ekubanjweni nasekutshutshisweni ngempumelelo kwabarhanelwa ababandakanyeka ekubulaweni koMtshutshisi woLuntu eGqeberha ngomhla wamashumi amathathu ananye kweyeKhala 2025, kwindawo yamapolisa eAlgoa Park.
Kutyholwa ukuba malunga nemizuzu engamashumi amathathu emveni kwentsimbi yesithathu (15:30), uMtshutshisi woLuntu wasetyhini ufike ekhayeni lakhe kwisitalato iLotton, eYoung Park. Kuthe ngexesha ehleli kwisithuthi sakhe esiluhlobo lweToyota Etios, abarhanelwa abane abangaziwayo abanxibe imaski baye bamisa isithuthi sohlobo lweVW Polo emhlophe esitratweni, baphuma emotweni bavulela uthotho lweembumbulu kwisithuthi sakhe.
Umfi uye wabalekiselwa esibhedlele enamanxeba okudutyulwa kodwa wasweleka ukufika kwakhe.
Iinjongo nabarhanelwa azikaziwa, kwaye uphando lusaqhuba. Igama lomfi lizakupapashwa xa sele echongiwe ngokusesikweni.
Nabani na onokunceda amapolisa ngolwazi kuphando angaqhagamshelana negosa eliphandayo uWO Errol Kleinhans ku-083 243 4567 okanye iCrime Stop ku-08600 1011 okanye isikhululo samapolisa esikufutshane.

