By Asipile Kitchen.
Kubanjwe umrhanelwa owongezelelekileyo kwityala lokubula uMnumzana Xoliseka Lali, uMbhexeshi oyiNtloko kuMasipala weNgingqi wase-Emalahleni.
UMnumzana Lali udutyulwe wabulawa kwindawo ebehlala kuyo eKomani ngabarhanelwa abangaziwayo ngomhla wamashumi amabini ananye (21) kweyeKhala 2025.
Emva kophando olunzulu lweCandelo loPhando loLwaphulo-mthetho olunoBundlobongela kwiPhondo kunye neCandelo lokuKhangela uMkhondo, abarhanelwa abathathu baye babanjwa kwingingqi yaseMthatha ngentsasa yomhla wamashumi amabini anesibhozo (28) kweyeKhala 2025.
Ityala elijongene naba bantu uBavuyise Mdingi olibhinqa, uMvuzo Mafanya, kunye noSonwabiso Siko libhaliswe ngempumelelo kwinkundla kamantyi waseKomani ngoLwesithathu, umhla wamashumi amathathu (30) kweyeKhala 2025, laze lahlehliselwa umhla wesithandathu (06) kweyeThupha 2025 ukuze bamelwe ngokusemthethweni.
Ngelixa omnye umrhanelwa engekabikho, kanye emva kwetyala lenkundla ngomhla wamashumi amathathu (30) kweyeKhala 2025, kwafunyanwa umkhondo kwabanjwa umrhanelwa wesine kwidolophu yaseMthatha kwangobo busuku. Umrhanelwa usebenzisane nabaphandi, ebakhokelela kwindlu yomhlobo wabo apho kwafunyanwa khona imipu emithathu engenampepha kunye neembumbulu.
Imipu efunyenweyo iya kuvavanywa njengenxalenye yenkqubo eqhelekileyo yokuseka unxibelelwano olunokwenzeka kwezinye izenzo zolwaphulo-mthetho.
Ityala elahlukileyo lokuba nemipu nembumbulu ngaphandle kwephepha-mvume livuliwe. Bobabini, umrhanelwa wesine kunye nomhlobo wakhe bajongene nezi zityholo kwaye baza kuvela kwiNkundla kaMantyi eMthatha namhlanje, umhla wamashumi amathathu ananye (31) kweyeKhala 2025. Umrhanelwa wesine uza kuphinda abekwe ityala lokubulala uMnu. Lali kwaye uzokuvela phambi kwenkundla kaMantyi yaseKomani ngoLwesihlanu, umhla wokuqala kweyeThupha 2025.
UMkomishinala oBambeleyo wePhondo leMpuma Koloni uNjengele Thandiswa Kupiso uncome iinzame zophando ezithe zakhokelela ekubanjweni kwamapolisa nokufunyanwa kwemipu engekho mthethweni.
Uphando luyaqhuba.

