Amapolisa akhangela umrhanelwa wokudutyulwa koMbhexeshi oyintloko woMasipala iEmalahleni.

By Asipile Kitchen.

Amalungu eNkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika (SAPS) aphendule kwisiganeko sokudutyulwa kwikhaya elikwilali yakuMazantsi Mpuma eKomani ngentsasa yayizolo, umhla wamashumi amabini anesibini (22) kweyeKhala 2025, nalapho uMnumzana Xoliseka Lali, oyiNtloko kuMasipala waseMalahleni phantsi kwesithili saseChris Hani athe wabhubha khona.

Iingxelo zithi, inkosikazi kamfi izamile ukuqhagamshelana nomyeni wakhe ngentseni kodwa akakhange aphumelele. Exhalabile, wacela usibali wakhe (umntakwabo-mfi) ukuba amkhangele apho ahlala khona.

Ekufikeni kwakhe, umntwakabo-mfi wafika icango langaphambili livuliwe. Ngaphakathi wafika kukho iimbumbulu. Eqhubela phambili ukuya kwigumbi lokulala, wafumana umnakwabo elele ebhedini enamanxeba amaninzi okudutyulwa kumzimba ongasentla nasemqolo.

Unobangela wokubulawa kwakhe awukaziwa okwangoku. Amapolisa asebenza ngenkuthalo ukujongana nendawo yexhwayelo kwaye asaphanda.

Nabani na onolwazi olunokunceda kolu phando uyabongozwa ukuba aqhagamshelane nomnxeba wokunqanda ulwaphulo-mthetho we-SAPS ku-08600 10111 okanye angenise ulwazi angachazi igama lakhe esebenzisa i-MySAPS App.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
20.1 ° C
20.1 °
20.1 °
92 %
1.9kmh
99 %
Sat
27 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
28 °

EZITHANDWAYO INDABA