By Esona Magawana.
Ngomhla wamashumi amabini anesibini (22) kweyeKhala ka-2025, iArhente yeSizwe yeeNdlela zoMzantsi Afrika (SANRAL), ibambisene noMasipala weNgingqi iWinnie Madikizela-Mandela, babambe indibano yokubonisana nabahlali bakwaWadi 25 nakwiilali ezingqongileyo. Le ndibano ibibanjelwe kundlunkulu wabahlali kwilali yaseXholobeni, igxile kumalungiselelo okwakhiwa kohola wendlela u-N2 Wild Coast, iprojekthi enkulu yeziseko ezingundoqo ekulindeleke ukuba iguqule unxibelelwano kule ngingqi.
Uthethathethwano luye lwajolisa ekwaziseni nasekubandakanyeni uluntu oluya kuchatshazelwa ngokuthe ngqo kuphuhliso lohola wendlela. Le ndlela intsha iza kudibanisa iilali ezininzi zasezilalini kwiiwadi ezohlukeneyo, nalapho iXholobeni ichongwe njengenye yeendawo eziphambili kulwakhiwo.
USodolophu uCllr TD Mafumbata uthethe nabazimasi waze wanika amagqabantshintshi ngemvelaphi yeprojekthi, ebhekisa kwiindibano zoluntu zangaphambili ebezibanjelwe eMdatya naseEbenezer. Wachaza ukuba yeyiphi imimandla kunye nabahlali abaya kuchaphazeleka kulwakhiwo, kwaye wachaza iinkqubo ezikhoyo zembuyekezo enobulungisa kunye nokuhlaliswa ngokutsha, apho kuyimfuneko.
Ukunika ulwazi ngobuchule, uMnu. Nkululeko Mtshali ovela kwaSANRAL kunye noNksz. Vuyisa Mdlalo Sifene osuka kwiSebe loLawulo loMhlaba bacacise ngesicwangciso esibanzi neenkqubo zokufunyanwa komhlaba. Baye bagxininisa into yokuba iinkokheli zemveli, abagcini bomhlaba odityanelweyo kuboniswene nabo kwaye babandakanyiwe ekuthathweni kwezigqibo. Baphinde babelana ngemithetho neenkqubo ezisetyenziswayo ukuqinisekisa ukuba izinto ziselubala kunye nokuphendula ekuqalisweni kweprojekthi.
Ngaphandle kweenkcazo-ntetho, abahlali bavakalise iinkxalabo ezininzi, eziquka ukubhideka kwemida yeewadi kunye nemigaqo yembuyekezo. Bacela unxibelelwano olucacileyo malunga nendlela abantu kunye neentsapho eziya kuchaphazeleka ngayo kwaye izibonelelo ziya kusasazwa njani kwiilali.
Ukusabela kwezi nkxalabo, kwasonjululwa ukuba iintlanganiso zexesha elizayo kuzo zonke iindawo ezichaphazelekayo mazibandakanye abameli bakaSodoluphu, beSANRAL, nabanye abachaphazelekayo ababandakanyekayo kuphuhliso. Olu thethwano lulandelayo lujolise ekuqinisekiseni ukuba uluntu luhlala lunolwazi olupheleleyo kwaye luthatha inxaxheba esebenzayo kwinqanaba ngalinye lokwakhiwa kohola wendlela.

