By Asipile Kitchen.
UMkomishinala weSithili sase-OR Tambo, uMajor General Norman Modishana, uncome amapolisa akuQumbu kwiinzame zawo zokulwa ubusela bemfuyo kwesi sithili nanjengoko bebambe umrhanelwa oneminyaka engamashumi amabini anesithandathu (26) ubudala, ngoLwesithathu, umhla wamashumi amathathu (30) kweyeKhala 2025 ngentsimbi yesibini (14h00) emveni kwemini, kwingingqi yaseBlackhill ngokufunyanwa neegusha ezilishumi (10) ekurhaneleka ukuba zebiwe kunye neenkomo ezintlanu (05).
IQela lamaPolisa liye lakhawuleza lasabela kulwazi olumalunga namadoda aqhuba umhlambi weenkomo ezintlanu laze lakwazi ukubamba umrhanelwa omnye njengoko omnye eye wasinda ekubanjweni.
Kuphando kufunyaniswe ukuba bebesiba iinkomo kwingingqi yaseLwandlana KwaBhaca kwaye oko kuye kwakhokelela amapolisa kwikhaya lakhe apho kwafunyanwa iigusha ezilishumi (ezixutyiweyo) ekutyholwa ukuba zazibiwe, eSulenkama.
Xa kusenziwa uphando kufumaniseke ukuba ezinye iinkomo ezintathu sele zithengisiwe zathunyelwa eNqanqarhu. Uphando luyaqhuba ukudiliza iqela lobusela bemfuyo elisebenza kakhulu kuQumbu.
Umrhanelwa obanjiweyo uzakuvela phambi kweNkundla kaMantyi kuQumbu ngoLwesihlanu, umhla wokuqala (01) kweyeThupha 2025 ngezityholo zokuba nempahla ekurhaneleka ukuba ibiwe ngelixa isitokhwe esithinjiweyo sigcinwe kwiponti yoMasipala waseQumbu.

