Amapolisa amabini aseMonti, umyeni nenkosikazi, bagwetywe bobabini kwiNkundla ePhakamileyo ngoLwesine ngokudlwengula nokungaluxeleli udlwengulo.
Isithethi secandelo loPhando lwamaPolisa eliZimeleyo (IPID) uPhaladi Shuping uthi uSajini onamashumi amahlanu anesithathu (53) ugwetywe kumatyala amabini okuxhaphaza ngokwesondo kunye nokudlwengula intombi yenkosikazi yakhe eneminyaka elishumi elinesithandathu, ngelixa umama wexhoba, uConstable ebupoliseni egwetywe ngokusilela ukuxela udlwengulo.
Uthi lo mtana udlwengulwe kwinkampu yamapolisa phakathi konyaka ka2018 no2022.
I-IPID ithi umntwana wazisa umama wakhe ngodlwengulo kodwa akazange akwazi ukuyixela.
ICandelo loMlawuli likwamkele ukugwetywa.
USajini ugcinwe eluvalelweni ngelixa umama ephumile ngesilumkiso.
Bobabini bazakubuyela enkundleni ngomhla wesine kwinyanga kaTshazimpuzi ukuze bagwetywe.
I-IPID ithethe ngokukodwa ngomakazi wexhoba owalincedisa ekuvuleni ityala nasekulincediseni kwiinkqubo zenkundla.

