Uceba weeDA kumasipala waseKouga udutyulwe wonzakala kwisiganeko esenzeke kwindlela engaselwandle ngoLwesine.
UMasipala uthe kwikhasi lakhe lonxibelelwano uFacebook uJacque Alexander wadutyulwa ngaphandle kwesakhiwo esikhulu salo masipala kwindlela iDa Gama.
U-Alexander, onguceba wakwaWadi 4 nokwalilungu lekomiti kasodolophu kwiinkonzo zoShishino noNxibelelwano, ubaleiselwe kwisibhedlele saseGqeberha ukuze afumane unyango.
Iingxelo zithi ukwimeko ezinzileyo kungoku nje.
Ngokwengxelo kaMasipala waseKouga, abarhanelwa abane baye babanjwa kwimizuzu engamashumi amane anesihlanu emva kwesehlo, kulandela impendulo ekhawulezileyo yamapolisa nomthetho kamasipala kwesi sehlo.
“Ngeli xesha linzima, sicela uluntu ukuba lumgcine kwingcinga nasemthandazweni uCllr Alexander nosapho lwakhe.
“Njengoko silindele ulwazi oluthe kratya, siyaqinisekisa uluntu ukuba siza kubonelela ngohlaziyo njengoko lufumaneka,” itshilo ingxelo kamasipala.

