18.2 C
King William's Town
Wednesday, September 18, 2024

Amapolisa anqakule avalela amasela eentambo zombane eGqeberha

Umdyarho wesantya esiphezulu seemoto phakathi kwamasela entambo zobhedu kwakunye namapolisa aphele ngokubanjwa kwamasela emva kokubanjwa kwemoto yabarhanelwa eDeal Party ngenj’ixukuxa yangoMvulo umhla weshumi elinesihlanu (15) kuTshazimpunzi

Amalungu esikhululo samapolisa ase Mount Road ebebekesweni njengesoqhelo eDeal Party xa beqapha imoto yohlobo lwe VW Caddy emnyama ivela kwicala lase New brighton Beach. Isithethi samapolisa, uKapteni uSandra Janse van Rensburg uthi xa abarhanelwa baqaphele amapolisa kwindlela iJohn Tellant Drive, baye kwicala lendawo yeSwartkops. Ngexesha lokuleqana kwabo iVW-caddy iye yabhukuqa.

Kusenjalo amapolisa afumene iingxowa ezimbini ezineentambo zobhedu, izixhobo zobhedu kunye nemoto zifakiwe. “Abarhanelwa abathathu bavalelwe ngamatyala anxulumene noMthetho weMicimbi yoLwaphulo-mthetho-uMonakalo kwiziseko ezibalulekileyo.

“Uphando olungaphezulu luveze ukuba iintambo zibiwe kwiimbobo ekwisitalato saseRose kunye nePearson, embindini weSixeko saseGqeberha,” watsho uJanse van Rensburg.

Abarhanelwa baya kuvela kwiNkundla yeMantyi yeGqherha phakathi evekini.

Umfanekiso: Port Elizabeth Traffic Update

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
18.2 ° C
18.2 °
18.2 °
47 %
4.1kmh
7 %
Wed
21 °
Thu
13 °
Fri
13 °
Sat
18 °
Sun
23 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks