Iziphumo zemidlalo Ye-English Premier league yaseNgilane Yale mpelaveki siphuma kuyo

Ngomgqibelo umhla weshumi elinesithathu(13) kuTshazimpunzi iBrentford ibethe iSheffield United ngamanqaku amabini eqandeni(2-0) yaze iManchester City yayothi ngcu kwindawo yokuqala(1) kuluhlu lamaqela eEPL emva kokutywatyusha iLuton Town ngempama yona yaphendula ngocikicane ukutsho oko ngamanqaku amahlanu kwelinye(5-1).

Ezinye iziphumo zangomgqibelo kwiEPL iBournamouth ibambene ngamanqaku amabini macala(2-2) neManchester United, iNottengham Forest yona yabambana ngamabini amanqaku macala(2-2) neWolves ngethuba iNewcastle inqunqela egoqweni iTottenham ngamanqaku amane kwiqanda(4-0) kwelinye icala iBurnley yadlala ntanganye neBrighton ngelinye macala(1-1).

Iziphumo zemidlalo yeEPL yangecawa umhla weshumi elinesine kule imiyo inyanga zenze umothuko kuba sibone iLiverpool ibethelwa kowayo ngelinye inqaku eqandeni(0-1), ukhumbule ukuba iLiverppool ayiqali kungakwazi ukufaka amanqaku kuba nakwiveki ephelayo ibikwabhaxabulwe kowayo phakathi evekini ngamanqaku amathathu eqandeni(0-3) liqela laseItaly iAtalanta kumlenze wokuqala weUefa Europa league. Kungoku nje ihlele kwindawo yesithathu kwiEPL iLiverpool emva kokubethwa kwayo isuka kwindawo yesibini. Sele isuka kwindawo yokuqala iLiverpool nalapho yasuswa yiArsenal

Ukanti kwangecawa njalo I-Arsenal iphoncukene nendawo yokuqala emva kokubethwa kabuhlungu ibethelwa kowayo yiAston Villa ngamanqaku amabini eqandeni(0-2) yaze iFullham yabethela kowayo iWest Ham United ngamabini eqandeni(0-2).

Namhlanje umhla weshumi elinesihlanu kuTshazimpunzi kwiEPL kuqubisana iChelsea neEverton ngentsimbi yethoba ebusuku(21h00).

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
20.3 ° C
20.3 °
20.3 °
81 %
1.2kmh
93 %
Fri
35 °
Sat
28 °
Sun
19 °
Mon
20 °
Tue
20 °

EZITHANDWAYO INDABA