Amapolisa aphanda ityala lokubulawa kwamadoda abahlanu phezolo eGqeberha

 

Amapolisa aphanda amatyala okubulala amahlanu, emva kokufunyanwa kwemizimba emihlanu (5) amadoda enamanxeba eembumbulu ngaphakathi kwityotyombe eChris Hani eNew Brighton, eGqeberha phezolo ngomhla we22 kweyeDwarha.

Kutyholwa ukuba ngecela emva kwentsimbi yesithoba (21:30), amapolisa aseNew Brighton abizelwe kwisikhalazo sokudutyulwa kwamatyotyombe eChris Hani, eNew Brighton. Ekufikeni kwamapolisa kwindawo yexhwayelo, afumene imizimba yamadoda amahlanu (5) enamanxeba amaninzi eembumbulu. Iimeko ezijikeleze eso sehlo ziyinxalenye yophando.

Amagama ababhubhileyo awakachazwa de kuqukunjelwe inkqubo yokuchonga ngokusesikweni.

Amapolisa acela nabani na onokuthi ancedise ekukhangeleni abarhanelwa ukuba atsalele umnxeba uD/Capt Sithole ku-082 457 2812 okanye uCrime Stop ku-08600 10111 okanye atsalele isikhululo samapolisa esikufutshane. Lonke ulwazi luyimfihlo, kwaye abafowunayo banokuhlala bengaziwa.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
11.8 ° C
11.8 °
11.8 °
90 %
2.7kmh
12 %
Tue
25 °
Wed
32 °
Thu
33 °
Fri
33 °
Sat
23 °

EZITHANDWAYO INDABA