ISebe leMfundo esiSiseko lithi baqikelelwa kumakhulu amathathu (300)abafundi baseMpuma Koloni abaphose iimviwo zabo, ngenxa yemozulu embi, ukanti bazakufumana ithuba kwakhona kwinyanga ezayo lokubhala iimviwo abaziphosileyo.
Isebe lezemfundo ephondweni liqinisekise ngokunqunyanyiswa kokubhalwa kwephepha leComputer Assistant Technology labafundi bebanga leshumi kwingingqi yaseKariega kumasipala ombaxa iNelson Mandela Bay ngenxa yokuqhawuka kombane nezikhukhula zala ngingqi emva kwezandyondyo zemvula kule ngingqi.
Isithethi sikaZwelonke seMfundo esiSiseko, uElijah Mhlanga uthe, ukuba kungajongwa amaxesha obhala imviwo , ezi zifundo zimbini bezibhalwa , ngokwenene kunga kwazi ukuba zilungiselelwe umhla wamashumi amabini anesibhozo (28) kweyeNkanga ukuze ziphinde zibhalwe. Kodwa zonke zivela kumava, kuba ezi zizifundo ezisebenzayo ezifuna umbane, zifuna iijenereyitha. UMhlanga uthi bebekhe bajongana neemeko ezinje ngaphambili.
“Ngoko, ngokwembali, bebesoloko bedibana nemiceli mngeni, kodwa besingalindelanga ukuba singadibana nomceli mngeni ofana nalo namhlanje. Ke, ngethamsanqa, sihlala sinalo iphepha lokuxhasa i-CAT ne-IT, into ethetha ukuba abafundi ngoku kufuneka baqhubeke nezifundo zabo kula maphepha aza kuphinda enziwe nge-28 yenyanga ezayo.”

