By Asipile Kitchen.
INkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika eMpuma Kapa inenkxalabo nonxunguphalo olukhulu malunga nokubulawa komTshutshisi uMnumzana Elona Sombulula oneminyaka engama-30 ubudala kwingingqi yaseMangweni, eMtentu (Bityi), ngorhatya lwangoLwesibini umhla wama-29 kuTshazimpuzi ka-2024.
Iingxelo zithi, ixhoba beligoduka lisuka eMthatha ngethuba lihlaselwa kufutshane nalapho lihlala khona. Ebehamba ngeenyawo xa umhlaseli okanye abahlaseli abangaziwayo bevulela ngembumbulu, de bambulala. Uphando lokuqala lubonisa ukuba ixhoba lifumene inxeba elinye lokudutyulwa entloko. Abaphandi bolwaphulo-mthetho bafumana iikhatriji ezintathu ze-9mm pistol kwindawo yexhwayelo.
Okwangoku, isizathu sokubulala asikacaci. Abasemagunyeni baphanda zonke izinto ezinokwenzeka, kubandakanywa nokuba uhlaselo lwalunxulumene nomsebenzi wexhoba njengomtshutshisi okanye ezinye iimeko zomntu.
Abaphathi bephondo le-SAPS bavakalise ukuxhalaba ngenxa yokwanda kolwaphulo-mthetho olunobundlobongela kutsha nje kwingingqi yaseBityi kwaye baqinisekise uluntu ukuba zonke izibonelelo ezikhoyo zisasazwe ukukhangela abo bathe bazenza.
Akukabanjwa mntu ukuza kuthi ga ngoku. Amapolisa abongoza nabani na onokuthi akhokelele ekuchongeni abarhanelwa ukuba bachongwe, atsalele ibambela i-Commander yabaCuphi baseBityi, uWarrant Officer Mlilo, ku-083 688 6571. Ungachazi igama lakho, utsalele umnxeba wokuNqanda uLwaphulo-mthetho kule nombolo 08600 10111 okanye nge-MySAPS mobile app.
I-SAPS iqinisekisa uluntu ukuba lonke ulwazi olufunyenweyo luya kuphathwa ngeyona mfihlo ingqongqo.

