Kubanjwe abarhanelwa abane ngokubulala nokuba nemipu engekhomthethweni.

By Asipile Kitchen.

IPhulo elikhawulezileyo elihlangeneyo elikhokelwa liQela eliSebenzayo labacuphi beSithili saseNelson Mandela Bay kunye ne-SAPS Operation Bamba likhokelele ekubanjweni kwabarhanelwa abane abayanyaniswa nokubulawa okumasikizi kabini kwilali yaseSakhasonke, eWalmer.

Esi sehlo senzeke ngobusuku bangoLwesine, umhla wokuqala kuCanzibe 2025, ngentsimbi ye-20:30, ngethuba amagosa e-SAPS eWalmer esabela kwiingxelo zokudubula kompu. Ekufikeni kwabo, bafumanisa imizimba ebhubhileyo yabasetyhini ababini, abaneminyaka engamashumi amane (40) kunye neshumi elinethoba (19) ubudala bobabini benamanxeba okudutyulwa amaninzi.

Njengoko abacuphi babesekwindawo yexhwayelo, iinkokeli ezibalulekileyo ziye zakhuthaza iqela elisebenzayo kunye namalungu e-Operation Bamba ukuba andise uphando lwabo kwizibhedlele zasekuhlaleni. Kwisibhedlele iDora Nginza, babambe umrhanelwa obeyofumana unyango lokwenzakala emlenzeni, okwathi kamva kwanxulunyaniswa nokubulawa kwabantu baseWalmer.

Uphando olungaphaya lukhokelele amalungu kwindawo yokuhlala eGreenshields Park, apho kwabanjwa abarhanelwa abathathu. Ngethuba leli phulo, amapolisa ohluthe umpu oluhlobo lwe-Mossberg 12-Gauge kunye nebhokisi yeembumbulu ze-9mm.

Oyena nobangela wokubulawa kwabantu usaphandwa. Abarhanelwa abaminyaka iphakathi kwamashumi amabini anesibhozo (28) ukuya kumashumi amane anesithandathu (46) bajongene nezityholo zokubulala, ukuceba ukubulala, nokuba nemipu nembumbulu ngaphandle kwempepha.

Bazakuvela kwinkundla kamantyi yaseGqeberha ngoMvulo umhla wesihlanu (5) kuCanzibe 2025.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
24.3 ° C
24.3 °
24.3 °
33 %
3.5kmh
0 %
Tue
25 °
Wed
32 °
Thu
30 °
Fri
33 °
Sat
23 °

EZITHANDWAYO INDABA