Icandelo elijongene nobuNdlobongela kuSapho, uKhuseleko lwaBantwana kunye noLwaphulo-mthetho ngokweSondo eGqeberha licela uncedo kuluntu ekukhangeleni abarhanelwa ababini abafunwayo kwizityholo zodlwengulo olwaqhubeka ngentseni yangeCawe, 23 Tshazimpuzi eSidwell.
Kutyholwa ukuba malunga nentsimbi yesibini kulo mhla ukhankanywe ngasentla, ummangali (amashumi amabini anesine) wayehamba e-Eveready Road eSidwell ngethuba egagana namadoda amabini awayexhobe ngompu kunye nemela. Wanyanzelwa ukuba angene ematyholweni apho wadlwengulwa ngawo omabini la madoda.
Ixhoba lavula ityala lokudlwengulwa kwaSAPS Algoa Park.
Amapolisa aqulunqe isazisi sabarhanelwa kwaye iinkcukacha zezokuba omabini la madoda amalunga ne-1,6m ubude kwaye aphakathi kweminyaka engamashumi amabini ukuya kumashumi amabini anesihlanu. Umrhanelwa wokuqala ngokwe kiti yesazisi eqhotyoshelweyo wayenxibe isikipa esibomvu kunye bhlukhwe. Umrhanelwa wesibini ngokwesazisi esincanyathiselweyo ebenxibe ibhatyi eneziphu eluhlaza kunye neblukhwe yejini Omabini ayechetyiwe.
Onokuthi ancedise ekukhangeleni abarhanelwa, uyacelwa ukuba atsalele umnxeba uD/WO Thabang Shilajoe ku-071 475 2310 okanye iCrime Stop ku-0860010111 okanye isikhululo samapolisa esikufutshane. Lonke ulwazi luyimfihlo kwaye abafowunayo banokuhlala bengaziwa.
*NCEDA UQAPHELE UKUBA EZI ZIZI-IDENTIKITS AYIZIZO FOTO.
Imibuzo: UKapteni uSandra Janse Van Rensburg
0827797173