18.2 C
King William's Town
Wednesday, May 22, 2024

Inkonzo yesiPolisa e Tabase ibambisene namanye amasebe isingathe imidlalo yokufundisa ulutsha

Inkonzo yesiPolisa isebenzisana namanye amasebe izibandakanya kwiinkqubo ezahlukeneyo zokufundisa ulutsha lwethu ngemiba yothintelo lolwaphulo-mthetho.

Amapolisa azeke mzekweni ekufundiseni ulutsha indlela yokuziphatha kunye nokulwa ubhubhane wokuxhatshwazwa kweziyobii

Ngempelaveki i-Tabase SAPS, esinye sezikhululo zethu zasemaphandleni kunye ne-CPF kunye noPhuhliso lwezeNtlalo zabamba umsitho othi “Sport Against Crime”. Kwanengqele nemvula zazingenakuluchaphazela imincili yaloo mini.

Isixhenxe sebhola ekhatywayo yasekhaya kunye. Amaqela amahlanu aseNgingqini womnyazi athathe inxaxheba. Eli thuba likwasetyenziswe ekufundiseni ulutsha lwethu ngemiba yolwaphulo-mthetho efana
Iziyobisi kunye Ukusetyenziswa kakubi kotywala, izixhobo eziyingozi ugonyamelo lwasekhaya.

Amaqela aphumeleleyo awongwe ngeembasa ekupheleni kosuku. UMkomishinala weSithili saseJoe Gqabi uMaj Genl Lindelwa Vellem uluthakazelele ulwazi olunempembelelo entle kulutsha lwethu.

Imibuzo: Captain Ursula Roelofse 082 7797109

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
18.2 ° C
18.2 °
18.2 °
60 %
2.3kmh
29 %
Wed
26 °
Thu
22 °
Fri
16 °
Sat
22 °
Sun
20 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks