18.2 C
King William's Town
Wednesday, September 18, 2024

Amapolisa aseGqeberha afunisa ngezizalwane zamadoda amabini aseGqeberha ebhubhileyo.

Abakwantsasana eSwartkops bacela uncedo kuluntu ngezizalwane zamadoda amabini afunyenwe izolo ngomhla wamashumi amabini anesibhozo (28) kweyeThupha 2024, kumlambo iSwartkops, eGqeberha.

Ngokweengxelo, malunga nemizuzu engamashumi amabini anethoba emveni kwentsimbi yesixhenxe (19:25) ngokuhlwa, iSAPS eSwartkops iphendule kwisikhalazo sokurhaxwa okwenzeke kumlambo iSwartkops.

Ekufikeni kwawo amalungu aqaphele amadoda amabini edada emanzini. Ngaphandle kokuthandabuza ngoncedo lwelungu elivela kuluntu, baqubha baza bakhupha ixhoba elinye elunxwemeni ngokukhuselekileyo. Kwabuyelwa kwixhoba lesibini, kwaye bathe bakuba selunxwemeni bazama ukwenza iCPR kodwa ayaphumelela. Ixhoba lesibini liye labalekiselwa esibhedlele kodwa labhubhela endleleni.

Zombini izandla neenyawo zexhoba bezibotshelelwe ngentambo. Iimeko ezingqonge isiganeko ziyinxalenye yophando. Omabini amaxhoba ngabemi bangaphandle kwaye awakaziwa amagama abo.

Amapolisa avule ityala lokubulala ukuze kuqhutywe nophando.

Amapolisa acela nabani na onokuthi ancede ngolwazi atsalele uD/Capt Roland Peterson ku-082 303 0285 okanye iCrime Stop ku-08600 10111 okanye atsalele isikhululo samapolisa esikufutshane.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
18.2 ° C
18.2 °
18.2 °
47 %
4.1kmh
7 %
Wed
21 °
Thu
13 °
Fri
13 °
Sat
18 °
Sun
23 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks