18.2 C
King William's Town
Wednesday, September 18, 2024

Igwetywe ubomi indoda eyacakaca umzimba wentombi yayo yaze yawulahla kwizindlu zangasese.

Igwetywe ubomi indoda yaseMpuma Koloni efunyenwe inetyala lokubulala.

UBantubenkosi Siqotyana oneminyaka engamashumi amathathu anesihlanu (35), ufunyenwe enetyala lokubulala intombi yakhe uNombeko Thobigunya kwinyanga yoMnga ka2023.

INkundla ePhakamileyo yaseMpuma Koloni, yaseMthatha, ive ukuba uSiqotyana wanqunqa umzimba wentombi awayethandana nayo waza wayiphosa kwimingxunya yezindlu zangasese ukufihla ubungqina bolwaphulo-mthetho lokubulala.

Ecacisa ngeli tyala, isithethi seGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) uLuxolo Tyali uthi uThobigunya wachazwa njengolahlekileyo lusapho lwakhe ngomhla weshumi elinesithathu kweyoMnga ngo2023.

“Wagqibela ukubonakala ekunye noSiqotyana kwiintsuku ezilishumi elinesibini ngaphambili.

“Kubhaqwe isandla somntu sityiwa yinja kwilali yaseThembeni eZandukwana kwisithili saseLibode.

“Umhlobo kamfi uchonge isandla sakhe esinezikhonkwane awayeziqabe phambi kokunyamalala kwakhe, nto leyo eyakhokelela ekubeni amalungu asekuhlaleni aye kwisoka uSiqotyana.”

UTyali uthi umtyholwa wabethwa kanobom ngabahlali, phambi kokuba abakhokelele kwiindawo ezahlukeneyo apho waye walahla khona umzimba.

I-NPA ithe ekuqaleni kweli tyala, uSiqotyana waliphika ityala lokubulala nokuphazamisa ubulungisa.

“Kodwa (yena) walivuma ityala lokucakaca isidumbu. Uqhube wathi umfi ubhubhe ngenxa yetyhefu ekutyeni, kodwa wagqiba ekubeni asinqumle isidumbu sakhe kuba esoyika ukuba uluntu lungakholelwa ukuba nguye owambulalayo,” utshilo uTyali.

U-Advocate Siphokazi Maarman akakhange asamkele isicelo sakhe waze wabiza amangqina aquka ingqina elazibonela ngokwalo ukubona uSiqotyana ebetha umfi kwangaloo mini, nogqirha owachonga amanxeba okuhlatywa entanyeni kumalungu kamfi, nto leyo ithe yaliphikisa iqhinga lommangalelwa yetyhefu.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
18.2 ° C
18.2 °
18.2 °
47 %
4.1kmh
7 %
Wed
21 °
Thu
13 °
Fri
13 °
Sat
18 °
Sun
23 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks