Amapolisa aseMpuma Koloni aphumeze iphulo lokukhangela abarhanelwa abayanyaniswa nesiganeko sokudubulana okwenzeke eNU3, eMotherwell eGqeberha ngentsimbi yeshumi elinesibini, ngale njikalanga yanamhlanje 27 kweyeSilimela 2024.
Ngokweenkcukacha ezikhoyo, kutyholwa ukuba amadoda angaziwayo axhobileyo ebekwisitalato uKhozi, eMotherwell, ngethuba edlala ngomkhon’ onwekati, nto leyo echaphazele abantu abathathu yabashiya bebhubhile.
Unobangela awukaziwa okwangoku, kwaye iimeko ezijikeleze eso sehlo ziyinxalenye yophando.
Umkomishinala wephondo leMpuma Koloni uLieutenant General Nomthetheleli Mene uzigxeka kabukhali izenzo zobundlobongela obunje nezingalawulekiyo.
“Sinqwenela ukuvakalisa umsindo wethu ngesiganeko esiloluhlobo lokungahoyi ubomi bomntu ngokuphandle nangokungakhathali.
Abaphandi bethu abazinikeleyo bahleli phantsi ngoku, besebenzisa zonke izixhobo ezifumanekayo nobukrelekrele ukuchonga nokubamba abo banetyala,” wongeze watsho uLt Gen Mene.
Amapolisa acela nabani na onokuba nolwazi olunokunceda ekukhangeleni abarhanelwa ukuba atsalele umnxeba kwiCandelo loLwaphulo-mthetho loLuntu noBundlobongela kwiPhondo, umcuphi uKapteni Monde Sithole ku-082 457 2812 okanye inombolo yethu ye-SAPS CrimeStop ku-08600 10111 okanye alumkise amapolisa ngokusebenzisa umnxeba.

