Amapolisa aseGqeberha akhangela inkwenkwe elahlekileyo.

By Esona Magawana.

Abacuphi be-SAPS Kabega Park bafuna uncedo kuluntu ekufumaneni umkhondo wenkwenkwe eneminyaka elishumi elinesibhozo (18) ubudala, u-Ona Moloto, owalahleka ngeCawe umhla wesixhenxe 07 KweyoMsintsi 2025.

Kutyholwa ukuba ngeCawe umhla wesixhenxe (07) kweyoMsintsi 2025 umama ka-Ona Moloto wamgqibela efunda egumbini lakhe lokulala. NgoMvulo umhla wesibhozo (08) kweyoMsintsi 2025, xa umama wakhe esiya kwigumbi lakhe lokulala eyokumvusa, wafika engekho.

UMama kaOna wakhe waxela ukuba ulahlekile kumaqela agade abamelwane.

Emva kwexesha elithile. kwavela ividiyo apho abonwa khona malunga nemizuzu engamashumi amabini emveni kwentsimbi yesihlanu (05:20) kusasa kwindawo ekufutshane neRowallan Park. Kumfanekiso wevidiyo wayenxibe iHoody eBlue, neBhulukhwe yeTracksuit emnyama, isikipa esimhlophe, iiteki zomkhosi zeNike eziluhlaza, iikawusi ezinde zeAdidas eziMhlophe kunye nobhaka oBlue.

Ukuza kuthi ga ngoku akazange aphinde agoduke. UMama wakhe emva koko wambika ukuba ulahlekile kwsikhululo samapolisa eKabega Park.

I-SAPS iyaqhuba nogqogqo kwaye icela nabani na onolwazi atsalele umnxeba, iSAPS Kabega Park ku-082 442 1282 okanye iCrime Stop 08600 10111 okanye isikhululo esikufuphi kubo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
20.6 ° C
20.6 °
20.6 °
89 %
2.4kmh
60 %
Sat
28 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
15 °

EZITHANDWAYO INDABA