By Nyameka Lamani.
Amapolisa kwesi Sithili ayaqhubeka nokulwa ulwaphulo-mthetho nokuzisa abenzi bobubi ematyaleni nanjengoko ephinde afumana imipu engenampepha-mvume kunye nezinto ekurhaneleka ukuba zibiwe kwiindawo ezahlukeneyo zesithili.
NgeCawe, umhla wesixhenxe (7) kweyoMsintsi malunga nentsimbi yesixhenxe (19H00), iQela leSithili lamapolisa eMthatha aye afumana ulwazi malunga nomatshini womkhenkce obiweyo okwixabiso eliphezulu eMqanduli eNgangelizwe, oxabisa malunga ne-R114 000,00.

Umrhanelwa oneminyaka engamashumi amathathu anesine (34) ubudala uye wabanjwa, efunaynwa engenabungqina bokuba umatshini ngowakhe. Kwisehlo esahlukileyo, iqela loThintelo lokuBiwa kweMfuyo libambe umrhanelwa oneminyaka engamashumi amathathu anesihlanu (35) ubudala waseMthatha eChris Hani Park, kwisithuthi sohlobo lweToyota Avanza ngoMvulo, umhla wesibhozo (08) kweyoMsintsi malunga nentsimbi yeshumi elinesibini kusasa ye(00:00).
Kwesinye isiganeko esingahambelaniyo, amalungu oThintelo loLwaphulo-mthetho eMthatha alandele iinkcukacha kwingingqi yaseMaqwathini, eTabase A/A, ngoMvulo umhla wesibhozo (8) kweyoMsintsi malunga nentsimbi yesithandathu (06:00). Ezi kncukhaca zimalunga nendoda enamashumi amane ananye (41) ubudala ebiphethe imipu engekho semthethweni kwaze kwafunyanwa i-.38 Revolver neembumbulu kunye neShotgun eyenziwe ekhaya.

Bonke abarhanelwa ababanjiweyo bayakuvela kwiiNkundla zikaMantyi zabo kwamsinyane.
“Ukuzinikela nokuzibophelela okuboniswe ngamalungu kuyamangalisa,” utshilo uMkomishinala weSithili sase-OR Tambo, uMajor General Norman Modishana ngelixa eqhwabela izandla amalungu akhe ngomsebenzi obalaseleyo owenziwe kakuhle.

