Amapolisa aseGqeberha aphanda ityala lokuzama ukubulala.

Amapolisa aseGqeberha aphanda ityala lokuzama ukubulala emva kokuba umqhubi weloli ekunye noogxa bakhe bethe bagabadela emva koqhankqalazo lokuhanjiswa kweenkonzo kwindlela iRocklands ngoMvulo.

Imiboniso yevidiyo ebonisa abamangali bebaleka ukudubula kompu sele isasazwe kumakhasi onxibelelwano.

Isithethi samapolisa uKapteni Andre Beetge uthe uqhankqalazo lokuhanjiswa kweenkonzo luqale ngentsimbi yesixhenxe (19:00pm) ngokuhlwa, kodwa amapolisa akwazile ukuchitha inginginya ngentsimbi yeshumi (22:00pm).

Kukholelwa ukuba umqhubi welori noogxa bakhe ababini bebedlula ngentsimbi (11:50) apho kuye kwavela amadoda amane (4) ebalekela endleleni. Ababini kwaba barhanelwa bebexhobe ngemipu ngelixa omnye egqatsa umqadi.

Enye yala madoda iye yadubula ilori ngelizama ukuyimisa. Umqhubi welori waqhubeka eqhuba.

“Ifestile yangaphambili yelori yonakele, kodwa akukhange kubekho mntu wenzakalayo,” utshilo uBeetge.

Kwividiyo, amadoda amahlanu (5) abonakala xa umqhubi welori kunye noogxa bakhe ababini besondela. Ababini kubo banyathela endleleni, kwaza kwadubula imipu. Bathi bakuqonda ukuba bayadutyulwa, oogxa balo mqhubi abothukileyo bavakala bemkhuthaza ukuba aqhubeke eqhuba.

Kwimifanekiso ebonwe ngaphakathi kwilori, abasebenzi babonwa besoyika njengoko iimbumbulu zibetha ifestile yelori. Umqhubi ubonwa ebambelele kwivili lokuqhuba ngelixa esoyika ezama ukuya kwindawo ekhuselekileyo.

By Anita Qubula

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
13.9 ° C
13.9 °
13.9 °
93 %
3kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA