Kubhubhe abantu abane, kuquka nepolisa, kwingozi yemoto ku-N2 ngaseMonti.

Abantu abane babhubhe kwingozi emanyukunyezi eyenzeke kuN2 phakathi kweGcuwa neMonti.

Le ngozi yenzeke ngobusuku bangoLwesihlanu kwaye ibandakanya iimoto ezintlanu.

Isithethi samapolisa eMpuma Koloni uColonel Priscilla Naidu uthe kurhaneleka ukuba ngentsimbi yesixhenxe ebusuku, kuchaphazeleke iimoto ezintlanu kule ngozi, nto leyo ebangele ukubhubha kwabantu abane.

Ixhoba lineminyaka ephakathi kwamashumi amabini anesibhozo (28) ukuya kumashumi amathandathu anesibhozo (68).

Ipolisa elibhubhileyo elineminyaka engamashumi amathathu anethoba (39) ubudala, ebelisemsebenzini belililungu IeYunithi yePhondo yoPhando loLwaphulo-mthetho, utshilo uNaidu.

Uthe ababini abasindileyo, abaneminyaka engamashumi amahlanu anethoba (59) kunye namashumi amathandathu (60), basiwe esibhedlele benomonzakalo omandundu.

Umkomishinala weSAPS eMpuma Koloni uLieutenant General Nomthetheleli Mene uvakalise amazwi ovelwano kusapho lukaSajini wamapolisa.

“Okwangoku, iimeko ezijikeleza ingozi ebulalayo ziphantsi kophando. Ityala lokubulala ngoku ngenanjongo kunye nokuqhuba ngokungakhathali livuliwe.”

UNaidu uthe amapolisa asakhangela isizalwane senkosikazi eneminyaka engamashumi amabini anesibhozo (28) ubudala ebisuka eMonti isiya eMthatha.

Kwenye ingozi, ngobusuku bangeCawe, usapho olunabantu abane lukwazile ukusinda ngaphandle komonzakalo emva kokuba imoto yabo iye yatsha kuhola wendlela uN3 Market.

Isithethi seNkonzo zeeAmbulensi zaBucala Kwazulu uChantelle Botha uthe xa befika kwindawo yexhwayelo bafumanise ukuba isithuthi sigqunywe ngamadangatye.

“Abencedo lokuqala bakhawuleza bavavanya indawo yexhwayelo kwaye bafumanisa abantu abadala ababini kunye nabantwana ababini besemotweni.

“Izigulana zavavanywa kwaye ngombulelo azizange zifumane nzakala.”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
13.9 ° C
13.9 °
13.9 °
93 %
3kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA