AMAPOLISA ASEGQEBERHA ASAQHUBEKA EKUKHANGELENI INKWENKWE ENEMINYAKA EMINE (4) EYALAHLEKA NGOCANZIBE.

IButho elijongene nobuNdlobongela kuSapho, ukukhuselwa kwabantwana kunye nolwaphulo-mthetho ngokwesondo (FCS) eGqeberha lisaphanda ngokuduka kukaNakane Lizane, oneminyaka emine (4) ubuncinci nowaduka kwikhaya lakhe ngomhla weshumi elinanye (11) kuCanzibe ngo-2023, eWells Estate.

Kutyholwa ukuba ngale mini ikhankanywe ngasentla malunga nemizuzu engamashumi amane nesihlanu emveni kwentsimbi yesithathu (15:45) emini, uNakane Lizane wayeshiywe kwikhaya lakhe evela kwikhaya logcino-ntsapho. Ngelixa umama wakhe wayexakekile elungisa isidlo sangokuhlwa uNakane wayedlala ngaphandle kwendlu e-1807 erf, eNdlovini, Wells Estate kunye nomntakwabo oneminyaka elishumi (10) ubudala. Emva kwexesha umama wabo wababiza ukuba bangene endlini kodwa kwangena umnakwabo oneminyaka elishumi (10) wedwa. Umntwana wachazwa njengolahlekileyo kwa-SAPS Swartkops.

Amaqela amaninzi okukhangela asekwa, kwaye ugqogqo lwaqhutywa ngoncedo lwamacandelo/iyunithi ye-SAPS, amalungu oluntu, amaziko osasazo asekuhlaleni nakazwelonke, iinkampani zokhuseleko zabucala kunye nee-Drones ezisetyenziswa yinkampani yabucala ukuskena indawo engqonge iWells Estate, Gqeberha.

Ngexesha lokuduka kwakhe, wayenxibe ijini emnyama, isikipa esinombala okhanyayo kunye nebhatyi emnyama.

Ukususela ngoko amapolisa anikezela ngembuyekezo yamashumi amahlanu amawaka (R50 000) ngalo naluphi na ulwazi olukhokelela kwisiphumo sokufunyanwa komntwana, nokuba zithini na iimeko. Ukuza kuthi ga ngoku, akukho lwazi olutsha luzayo, kwaye umntwana akakafunyanwa.

Amapolisa ayaphinda abongoza nabani na onokuthi acacise ngokuduka kwalo mntwana ngendlela engaqondakaliyo ukuba atsalele igqiza lophando kwiFCS, D/Sgt Mluleki Mhlangani 0798967509, D/Cst Msuthukazi Nkwenkwezi 082 302 5127 okanye uKapteni Michael Shanagan ku082 7292me Stop 779 ku-08600 10111 okanye kwisikhululo samapolisa esikufutshane. Lonke ulwazi luyimfihlo, kwaye abafowunayo bayokuhlala bengaziwa.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
33.3 ° C
33.3 °
33.3 °
37 %
3.8kmh
21 %
Fri
32 °
Sat
27 °
Sun
18 °
Mon
22 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA