20.2 C
King William's Town
Tuesday, September 17, 2024

UMalema uthi uRhulumente woManyano lweSizwe luza nezikrokro.

INkokeli ye-Economic Freedom Fighters (EFF) uJulius Malema uthi uhambo lukaMongameli Cyril Ramaphosa kwezopolitiko lwenza isikrokro.

INkokeli ye-Economic Freedom Fighters (EFF) uJulius Malema uthi uhambo lukaMongameli Cyril Ramaphosa kwezopolitiko lwenza isikrokro sokuba uRhulumente woManyano lweSizwe ayonto iqalwe ngoku, kudala iqhuba. UMalema ebethatha inxaxheba kwingxoxo-mpikiswano ngevoti yohlahlo lwabiwo-mali lukaMongameli izolo.

Uzikhabile izityholo zokuba wathuka uMongameli ngelithi utata wakhe wayelipolisa eliyimpimpi ngexesha lengcinezelo.

UMongameli Ramaphosa ukhumbuze uMalema ngoMvulo ukuba wayekhe wamthuka kunye noyise wakhe kwiNdlu yoWiso-mthetho malunga neminyaka emibini edlulileyo.

Kwimpendulo yakhe, uMalema uthe, liyinyaniso elokuba xa kujongwa uRhulumente woManyano lweSizwe osuka kwi-White Capital Establishment, kufuneka kuxatyiswe ukubandakanyeka kukaMongameli ngokwembali nabantu abamhlophe. Kwaye uqwalaselo olusondeleyo kuhambo lika Ramaphosa lwezopolitiko lunika ubungqina bokukrokrela ukuba lo rhulumente ayonto iqalwa ngoku.

UMalema woleke ngelithi, “Xa sisithi awuyanga eRobben Island xa oontanga bakho beye khona ingaba sisithuko njani eso? Xa sisithi wabhala ileta usithi babetyala iingcinga zobukomanisi engqondweni yakho emapoliseni, ingaba sisithuko njani eso? Ukuthetha inyaniso yeyona ntlonipho inkulu esinokuyinika uMongameli ohleliyo.”

SourceSABC News

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
20.2 ° C
20.2 °
20.2 °
40 %
0.8kmh
66 %
Tue
25 °
Wed
23 °
Thu
15 °
Fri
13 °
Sat
20 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks