Abacuphi beSAPS Walmer bazingela umrhanelwa/abarhanelwa abadubule owasetyhini oneminyaka engamaShumi amabini anesithathu (23) ubudala phantsi kwesilevu ngoLwesihlanu, umhla weShumi elinethoba (19) kuTshazimpuzi malunga nentsimbi ye-18:30 kwindawo yaseG-West, kwilokishi yaseWalmer.
Ngokwesithethi samapolisa, uKapteni Andre Beetge, kutyholwa ukuba ingqina esitratweni lichaze ukuba intobambazana eneminyaka engamashumi amabini anesithathu(23) (isazisi sifihliwe) weza ebaleka efuna uncedo ebambe esilevini.
“Wayengakwazi ukuthetha, kwaye kwacaca ukuba udutyulwe phantsi kwesilevu sakhe,” utshilo uBeetge.
“Usiwe esibhedlele ukuze afumane unyango, kwaye amapolisa abongoza uluntu lwalo mmandla ukuba luthethe lo gama ixhoba lingenakho.
Ityala lokuzama ukubulala lavulwa kwaye liphandwa nguSAPS Walmer.
Nabani na onolwazi olunokunceda amapolisa kolu phando, unokuqhagamshelana nabacuphi beSAPS Walmer, uLt Colonel Estelle Edwards kule nombolo 082 769 1977 okanye atsalele umnxeba ku-08600 10111
Anita Qubula

