Baphume bengathandanga abantwana besikolo esiphakamileyo iUnathi, eCambridge namhlanje, 21 kuTshazimpuzi 2024.
Ibingumbono ombi, abantwana bepitsholoza kukuxhuzula okungaziwayo.
Babizwe buphuthu-phuthu abazali babantwana besikolo samabanga aphezulu iUnathi, eCambridge, emva kokuba abantwana baye baquleka kukuxhuzula abanye bephethwe ngumothuko nekuvakala ukuba wenzeke kanye ngexesha lendudumo ezenzeke namhlanje eMonti.
Ngokwengxelo yomzali osikrwecileyo, uchaza ukuba ufike esikolweni sele kugcwele iinqwelo zezigulani zithutha abantwana. Uthi ebezothatha owakhe kuba efumene umyalezo wokuba azomthatha esikolweni kanti uzakugilana nesisiganeko. Kwincoko nomtwana, uthi bebesegumbini lemfundo, suke kwamnyama konke, besajonge oko kunye nokothuka emva koko zaqalisa izijwili ebantwaneni, abanye bexhuzula besiwa kwayilonto.
Ukuzothi ga ngoku akukhomntu uwaziyo unobangela kwaye kwa ootitshala baxakiwe.
Kanti kwelinye inqaku elifanayo, oku kwenzeke kwisikolo esiphakamileyo iUnathi eCambridge bekukhe kwehlela isikolo iScience College esizinze eMonti ngomhla weshumi elinethoba kuTshazimpuzi 2024.
Sikhona nesinye isikolo ebesinemeko efanayo nale kulo nyaka ka-2024, loo nto ibeka izikolo ezintathu ezicaphazeleke yile nto.
Elinqaku lisaqhuba.

