By Asipile Kitchen.
Amalungu esipolisa aseJoza abhenela eluntwini ukuba luncedise ekukhangeleni umrhanelwa onxulumaniswa namatyala amane okubulala awenziwa phakathi kweyeNkanga-2022 kunye neyeSilimela-2024 Kwazakhele, eGqeberha naseJoza eMakhanda.
Umrhanelwa uXabiso Mngcongo (34) ufunelwa ukuncwinwa ngembuzo kwaye amapolisa akholelwa ukuba angancedisa kuphando lwabo. Lo kaMngcongo ukhangelwa malunga namatyala amane okubulala, apho amaxhoba amaninzi ayengaxhobanga kwaye elinye lawo yayilipolisa elidla umhlala-phantsi.
Iinzame eziliqela zokukhangela uMangcongo zenziwa kodwa zonke azaphumelela. Ngoko ke amapolisa athembisa ngomvuzo wemali engange (R50 000) ozakunikwa nabani na ononikeza ngolwazi lokuba uphi uXabiso Mangcongo.
Nabani na onokwazi ukuncedisa koluphando okanye onokuba nolwazi lokuba uphi uXabiso Mangcongo uyacelwa ukuba aqhagamshelane nomcuphi ophandayo, uDetective WarrAnt Officer Barend Lensley ku-082 442 3747. Ulwazi lusenokwabelwana ngalo kusetyenziswa inombolo yeCrime Stop ku-0860010111.

