Amapolisa oMzantsi Afrika (SAPS) eMpuma Koloni abambe abarhanelwa abathathu malunga nokubulawa kukaMnumzana Xoliseka Lali (43) onguSotswebhu oyiNtloko kuMasipala weNgingqi yaseEmalahleni kwisithili saseChris Hani.
Esi sehlo senzeke ngoMvulo, umhla wamashumi amabini ananye (21) kweyeKhala ngo-2025, phakathi kwentsimbi yesithandathu (18:00) kunye neyesixhenxe (19:00), kwiflethi kaMnu. Lali odutyulwe wabhubha ngabarhanelwa abangaziwayo.
Emva kophando olunzulu olwenziwe licandelo lephondo leMpuma Koloni elijongene nolwaphulo-mthetho olunobundlobongela, kuye kwalandelwa iinkcukacha ezithe kratya ezikhokelele eMthatha. NgoLwesibini, umhla wamashumi amabini anesibhozo (28) kweyeKhala 2025, abarhanelwa abathathu (amadoda amabini kunye nowasetyhini omnye ophakathi kweminyaka engama-37 nama-42) baye babanjwa.
Abarhanelwa baye bathathwa ukuze bancinwe. Abarhanelwa baye babekwa ityala lokubulala ngokusesikweni kwaye bazakuvela phambi kweNkundla kaMantyi eKomani ngoLwesithathu, umhla wamashumi amathathu (30) kweyeKhala ngowama-2025.
UMkomishinala oBambeleyo wePhondo leMpuma Koloni, uNjengele uThandiswa Kupiso uncome indlela ekhawulezileyo nelungelelanisiweyo yokusabela kwecandelo loLwaphulo-mthetho olunobuNdlobongela kwiPhondo, nelithe ukulandelela ngenkuthalo izikhokhelo ezithe zabangela oku kubanjwa.
“Siqinisekisa uluntu ukuba zonke iindlela zophando ziyalandelwa ukuqinisekisa ukuba ubulungisa buyenzeka,” wongeze watsho uMaj Gen Kupiso.

