By Buhle Nomgalasa.
IActionSA ivakalise inkxalabo ngosihlalo weDA KwaZulu-Natal, uDean Macpherson, emva kokuba ebize iqela labantu abamnyama njengee’hobo’ ngethuba kuxoxwa enkundleni yakutsha nje, eMgungundlovu.
IDA kunye neActionSA zisibeke esi sixeko kwiNkundla ePhakamileyo yaseThekwini malunga nengxaki yelindle ngoLwesine, zajika izinto zambi phakathi kwala maqela mabini.
Ngokwengxelo ye-IOL, uMacpherson uxelele intatheli ukuba usihlalo weActionSA ephondweni, uZwakele Mncwango, ukuphikile ukubiza amapolisa ukuba achithachithe “iihobo”, esithi iActionSA ifanele ukuza enkundleni ukuze bazenze njengamalungu ayo. Kwileta ayibhalele uMacpherson, uMncwango uthe ukusebenzisa igama elithi ‘hobos’ xa ebhekisa kubantu abantsundu “kuyakhubekisa kakhulu kwaye kuthoba ubuntu”.
“Eli gama lisetyenziswe ngenjongo yobuhlanga, ifuthe lamagama enu alinakwahlulwa kwimbali ebuhlungu yobuhlanga eMzantsi Afrika,” utshilo uMncwango.
“Ukubhekisa kwiqela labantu abaNtsundu ubukhulu becala baseMzantsi Afrika kusetyenziswa igama ngokwembali elinxulunyaniswa nentlupheko, ukulahlwa nokungabi naxabiso eluntwini akukhubekisi kakhulu kuphela, koko kuthoba ubuntu.”
Kwilizwe elisajijisana nezivubeko zocalucalulo, apho isidima sabantu abantsundu sahluthwa ngendlela ecwangcisiweyo kangangamashumi eminyaka, ulwimi olufana nolu lungaphezu kwesithuko, ludelelo lobuhlanga.”
Lo mbutho ukugxekile ukuziphatha kukaMacpherson ngethuba kuxoxwa enkundleni, nalapho kutyholwa ukuba uyalele iinkokeli zeDA ezintsundu ukuba zishiye izihlalo eziphambili kumalungu amhlophe namaNdiya. UMncwango umemelele uMacpherson ukuba acele uxolo eluntwini, utshilo uMncwango.
“Kuyacaca ukuba nithe phithi yi-ActionSA kunye neenkokeli zayo. Nangona ndingakukhuthazi ukuba nithanda umbutho ngokwezopolitiko, soze ndivume ucalucalulo olujoliswe kubantu abantsundu nangaluphi na uhlobo, nokuba lufihlakele okanye ngokuphandle.”

