Amapolisa eMpuma Kapa aphanda isiganeko sokubulala, eLusikisiki.

Kutyholwa ukuba ngoLwesine umhla wamashumi amabini (20) kweyoMdumba ngo-2025 ngezithuba zentsimbi yeshumi ngokuhlwa (22:00), indoda engaziwayo ibinxibe iBalaklava iye yangena ngokunenankathalo kwindlu ethile kwingingqi yaseSitshayelo, eZalu A/A (Lusikisiki), yafuna ilungu losapho (33) ebekukholelwa ukuba lalikwigumbi lokulala ngelo xesha.

Ukanti kuthiwa unina (69) nodade wabo (44) elilungu belifunwa bazamile ukungenelela, baze badutyulwa bobabini, umrhanelwa wadlulela kwigumbi lokulala, nalapho afike wafumana ixhoba eli ebelifuna, walidubula izihlandlo eziliqela.

Amaxhoba amathathu (bonke ngabasetyhini) babhengezwe njengabaswelekileyo kwindawo yexhwayelo.

Oyena nobangela wokubulawa kwabantu ababhinqileyo ngenkohlakalo ayaziwa okwangoku. Amapolisa acela nabani na onokuthi abelane ngolwazi malunga nabenzi bobubi ukuba atsalele umnxeba abecuphi baseLusikisiki – uColonel Siyabulela Kufa ku-082 302 5118 / 083 427 9656, okanye uLieutenant Colonel Sizwe Sitsha ku-0824422714 / (0395) 2531 ngolwazi malunga nolwaphulo-mthetho 08600 10111. Abafowunayo banokuhlala bengaziwa.

UMkomishinala weSithili sase-OR Tambo, uMajor General Norman Modishana usigxekile isenzo esimasikizi nesingenangqiqo sokubulawa kwabasetyhini abathathu ngumntu ongenantliziyo ongenaxabiso kubomi bomntu.

“Asizukuphumla de kubanjwe umenzi wobubi ze agwetywe,” uqukumbele ngelitshoyo uMajor General Modishana.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA