16.2 C
King William's Town
Friday, September 6, 2024

Amapolisa enza uphando emva kokuba kuvezwe ividiyo yendoda ebetha umama wayo kumakhasi onxibelelwano.

USapho lucela uncedo kwabasemagunyeni emva kokuba indoda enobundlobongela ixhaphaza unina wayo. Oku kwenzeke kwiPhondo laKwaZulu-Natal.

IPhepha-ndaba iScrolla.Africa ithethe nosapho lwexhoba kwaye esi siganeko sinikezelwe emapoliseni.

Ixhoba lidla umhlala-phantsi, kwaye unyana walo olumxhaphazayo kuthiwa ungaphaya kweminyaka engamashumi amane (40) ubudala.

Ilungu losapho, elingathandanga ukuba igama lalo lichazwe, labelana ngale vidiyo noScrollla.Africa laza lathi le ndoda ibisoloko ibetha unina.

“Asiqinisekanga ukuba zeziphi izizathu ezibangela ukuba lo mama sele ekhulile esilwa nonyana wakhe. Kodwa iyinto eqhelekileyo le kuthi,” utshilo umthombo.

Olu sapho lusuka eMnambithi ekuVukeni nokwaziwa njengendawo yaseMxhasweni okanye Ezimbongolweni kwiphondo laKwaZulu-Natal.

Isithethi samaPolisa kuzwelonke uBrigadiya uAthlenda Mathe uthe amapolisa aza kuphanda kwaye alandele umkhondo wesi sehlo.

Esi siganeko silandela ividiyo kaLuvo Gqaza oneminyaka elishumi elinesithoba waseKraaifontein eNtshona Koloni, ekutyholwa ukuba wabonwa ebetha umakhulu wakhe kwividiyo eyasasazeka kumaqonga onxibelelwano.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
16.2 ° C
16.2 °
16.2 °
58 %
4.3kmh
100 %
Fri
16 °
Sat
18 °
Sun
17 °
Mon
13 °
Tue
23 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks