UMokoena ufuna kutshintshwe imigaqo-nkqubo yesiko solwaluko

UMbutho weeNkokheli zeMveli, iContralesa uthi urhulumente nabanye abathathi-nxaxheba mabalungise imigaqo-nkqubo emalunga nokwamkelwa kwamakhwenkwe kwizikolo zolwaluko.

Umongameli weContralesa, uKgosi Larmeck Mokoena uthi ezinye izikolo zolwaluko zamkela amakhwenkwe aneminyaka esixhenxe (7) ubudala.

UMokoena uthi banganyanzeleka ukuba bathathe amanyathelo ngakwabo bazakufunyanwa benabantwana abancinci kwizikolo zabo zokwaluka.

Esithi iContralesa ifunde ngomothuko ukuba abanye babanini bezi zikolo zolwaluko bamkela amakhwenkwe amancinane aneminyaka esixhenxe (7) nesibhozo (8) ubudala, ugxininise into yokuba ayamkelekanga kwaye iyothusa lonto. UMokoena uthi bafuna ukucebisa bonke abanini bezikolo ukuba bangayenzi loo nto kwaye bayeke ngokukhawuleza.

Ulebele ngelithi ukuba ubani ufunyenwe esenza loo nto, baya kushiyeka singenandlela ingakumbi ngaphandle kokuthatha amanyathelo ngakuwe. Uthi bafuna ukubiza nabazali ukuba bayeke ukuthumela amakhwenkwe aselula aloo minyaka kuba ayincedisi nganto.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
23.1 ° C
23.1 °
23.1 °
79 %
2kmh
83 %
Sat
24 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
28 °

EZITHANDWAYO INDABA