27.7 C
King William's Town
Sunday, February 9, 2025

Amaqela aphikisayo wezopolitiko akhalaza ngohlahlo lwabiwo-mali oluncinci lwePhondo

UMphathiswa wezeziMali eMpuma Koloni, uMlungisi Mvoko, uthi imeko yemali yeli phondo isabambekile, ingakumbi ngenxa yoqoqosho olungakhuli ngeqondo elilindelekileyo.

Uthe thaca intetho yakhe yomgaqo-nkqubo wohlahlo lwabiwo-mali lwexesha eliphakathi kwindlu yowiso-mthetho yephondo ngoLwesine,

UMphathiswa uMvoko ukwamkele inkxaso-mali eyongezelelweyo evela kurhulumente kazwelonke ye-2.3 yeebhiliyoni zeerandi enikezelweyo njengohlengahlengiso.

“Inkxaso-mali eyongezelelweyo yabelwe ukunika inkxaso kumaphondo, ingakumbi inkxaso-mali yezempilo nezemfundo ukusabela kwiindleko zokuphunyezwa kwesivumelwano semivuzo yabasebenzi bakarhulumente esifikelele kwi-R3.6bn yeli phondo kulo nyaka-mali umiyo,” utshilo. , kuqatshelwe ukuba olu lwabiwo aluquki isixa esipheleleyo.

“Imali ekhutshelweyo isuka kuzwelonke isiya kwiphondo ngoko ke ifikelela kwi-R89.4 yeebhiliyoni zeerandi, kwaye emva kokuthathela ingqalelo iintlawulo ezizibhiliyoni ezingama-92.5, iphondo lishiyeke nentsilelo emalunga neebhiliyoni ezintathu zeerandi emva kohlengahlengiso.

“Isabelo sephondo sisahleli kwi-R1.6 yeebhiliyoni zeerandi kuLwabiwo-mali oluLungisiweyo, nto leyo ibeka intsilelo kwi-R1.3 yeebhiliyoni zeerandi phambi kokuba kuxhaswe ngemali,” utshilo uMvoko.

Uthe iintlawulo zizonke zifikelele kwi-R91.6 yeebhiliyoni kulwabiwo-mali olungundoqo luka-2023/24, kwaye amasebe abelwe inkxaso-mali eyongezelelweyo ye-R857.6 yezigidi, nto leyo ekhokelele kulwabiwo oluhlengahlengisiweyo lwe-R92.4 yeebhiliyoni.

Kusenjalo, uMphathiswa uMvoko uthe iigranti ezinemiqathango zichatshazelwe lumanyano lwemali.

Uthi balulungelelanise uhlahlo lwabiwo-mali lwehla nge-R761 yezigidi, beshiya uhlahlo lwabiwo-mali oluhlengahlengisiweyo kwi-R13.8 yeebhiliyoni kwi-R14.6 yeebhiliyoni eyabelwe uhlahlo lwabiwo-mali oluphambili ekuqaleni kwalo nyaka.

UMphathiswa wezeziMali uthe uMphathiswa weZimali kuzwelonke u-Enoch Godongwana uchaze iindlela zokuhlanganisa imali kwintetho yakhe yohlahlo lwabiwo-mali, kuquka nesicwangciso sohlengahlengiso ekujoliswe kulo.

UMvoko uthe oku kufuneka kusekwe kwimiba ephambili yomgaqo-nkqubo kunye nohlengahlengiso nolungelelwaniso lukarhulumente.

“UNondyebo weSizwe ukhuphe izikhokelo malunga namanyathelo okuthintela iindleko athe uNondyebo wephondo wawenza ngokwenjongo waza emva koko wakhupha umyalelo wogcino-ndleko wephondo lokuqala , phakathi kwezinye izinto, okhusela izinto ezingundoqo, olawula ukuxhaswa ngemali kwezinto ezingezizo ezona zinto ziphambili kwaye ulawule imbuyekezo yabasebenzi.” utshilo.

Amaqela aphikisayo agxeke urhulumente waseBhisho ngokuchitha imali eninzi kwimivuzo.

“Uphuhliso loluntu, umzekelo, luwongwe ngemivuzo yezigidi ezingamashumi amabini anesihlanu zeerandi kodwa akukho nto ingaphaya kokondla abantwana abalambileyo,” ukhale watsho umbhexeshi oyintloko weDA kwiNdlu yoWiso-mthetho uBobby Stevenson.

“Xa ubani ejonga ukucuthwa kwezibonelelo zeemali ezinemiqathango, kwi-R761 yezigidi zeerandi, uyabona ukuba iR133 yezigidi zeerandi iye yanqunyulwa kwezeMpilo, iR247 yezigidi kwezeMfundo, iR228 yezigidi zeerandi yasikwa kwisibonelelo sezibonelelo zezikolo, neR70 yezigidi kuLondolozo lweNdlela. Okona kucuthwe kakhulu yi-R256 yezigidi zeerandi kwiSebe lokuHlaliswa koLuntu,” utshilo.

UStevenson uthe nangona kukho oku kucuthwa okubalulekileyo, uMphathiswa uMvoko usilele ukuchaza naziphi na izicwangciso zexesha elide zokujongana nendlovu egumbini, indleko yokubalekela ingqesho kwicandelo likarhulumente, okungokunje malunga ne-66%.

Iqela le-Economic Freedom Fighters lithi liphoxekile luhlahlo lwabiwo-mali, lilindele “ukungenelela” okuza kubhengezwa kwisebe lezemfundo, lezempilo nesebe lentsebenziswano kurhulumento nemicimbi yemveli.

Ilungu lePalamente uSimthembile Madikizela uthe la masebe ngabona banegalelo elikhulu xa kuthethwa ngemali engasetyenziswanga ekufuneka ibuyiselwe kwisebe lezimali likazwelonke.

“Inkcitho ephantsi ilahlekise abantu baseMpuma Koloni ithuba lokufikelela kunikezelo lweenkonzo,” utshilo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
27.7 ° C
27.7 °
27.7 °
41 %
3.5kmh
11 %
Sun
25 °
Mon
18 °
Tue
26 °
Wed
37 °
Thu
27 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks