Kubanjwe iingcibi ezintlanu ezingekho mthethweni kwiphondo leMpuma Koloni

Amapolisa aseMpuma Koloni athi abambe iingcibi ezingekho mthethweni zesintu ezintlanu ukusukela oko kuqale ixesha lolwaluko lasehlotyeni.

UWarrant Officer Majola Nkohli uthi amapolisa ongeze izixhobo zokuphucula umsebenzi wamapolisa kuzo zonke izikolo zokwaluka zemveli kwiphondo.

Uthi aba bahlanu babanjwe njengenxalenye yephulo lamapolisa lokujonga izikolo zokwaluka, watsho esithi asibhozo amatyala olwaphulo-mthetho aphantsi kophando.

UNkholi uthi amaqela, aquka amapolisa, kunye namagosa karhulumente abeke esweni ukuthotyelwa kolwaluko lwamadoda.

Uthe la madoda, aphakathi kwamashumi amabini anesithathu namashumi amathathu anesihlanu ubudala, asavalelwe, logama asibhozo ewonke amatyala asaphandwayo ukuza kuthi ga ngoku.

Kusenjalo, uNkohli uthe kukho amaqela kuzo zosibhozo izithili apho kukho izikolo zolwaluko, eziquka amapolisa kwakunye namagosa aphuma kumasebe karhulumente kwakunye nemibutho engekho phantsi korhulumente.

“Amaqela abeke esweni ukuthotyelwa kwemigaqo nemithetho ephathelele kulwaluko lwamadoda,” utshilo uNkohli.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
13.1 ° C
13.1 °
13.1 °
84 %
2.8kmh
19 %
Mon
13 °
Tue
25 °
Wed
32 °
Thu
33 °
Fri
33 °

EZITHANDWAYO INDABA