Umasipala ombaxa iBuffalo City uqinisekise abaqhubi beemoto abahamba kule ngingqi kweli hlobo ngokuzinikezela okungagungqiyo kweSixeko ekuqinisekiseni ukhuseleko lwabo.
Usodolophu oLawulayo, uPrincess Faku uphehlelele ngokusesikweni iNkqubo yeXesha leeHolide eziKhuselekileyo kwiSebe lezeNdlela eBraelyn ngoLwesihlanu.
Umxholo walo nyaka othi “Ukwakha uluntu oluKhuselekileyo” kukuqinisekisa abaqhubi beenqwelo-mafutha abahamba kulo mmandla kweli hlobo ukuba omasipala ukulungele ukukhusela ukhuseleko lwabo.
Usodolophu uthe; “Oku kuzibophelela ayisosithembiso nje kuphela, sisibhambathiso sokugcina iinqobo ezisemgangathweni ezenza iBuffalo City ibe yindawo edlamkileyo nekhuselekileyo yokuhlala.
Umphathi wezothutho kolomasipala, uQuinton Chetty, ucebise abaqhubi beemoto nabahamba ngeenyawo ukuba ukhuseleko ezindleleni luxanduva lomntu wonke.
Uthe kuzakubakho ukubonakala kwamapolisa ezendlela kunye nokuvalwa kwendlela imihla ngemihla kwaye ucele abaqhubi ukuba bangabi yinxalenye yeenkcukacha-manani zabantu ababhubhileyo ezindleleni.
UChetty ucebise uluntu ukuba luyithobele imimiselo, baqinisekise ukuba iimoto zabo zikulungele ukuhamba endleleni, bangaseli utywala baqhube kwaye banxibe amabhanti ezihlalo zabo.
Uphehlelelo luqhubekile nokuvalwa kwendlela kwiBhulorho iBiko apho ibhasi esebenzayo iqaphela inombolo yepleyiti ezisetyenziswayo ukunceda abasemagunyeni ekuqokeleleni izohlwayo ezingekahlawulwa, ukuphunyezwa kwezigunyaziso zokubamba ezingekagqitywa kunye nokuqosheliswa kwamatyala amatikiti endlela.
Kumazwi okuvala kaSodolophu uthe; “Masibhiyozele iiholide zehlobo ngovuyo, kodwa masibhiyoze ngokufanelekileyo. Sisonke singaqinisekisa ukuba umasipala ombaxa waseBuffalo City uhlala usisibane sokhuseleko, imfudumalo kunye nenkqubela phambili”.

