Amaqela ezopolitiko acela uhlaziyo olukhawulezileyo lwenkqubo yangoku yeNSFAS

Amanye amaqela ezopolitiko ePalamente amemelela ukuba kuhlaziywe ngokukhawuleza inkqubo ekhoyo ngoku ye-National Student Financial Aid Scheme. Oku kukusabela kwizityholo zakutsha nje zorhwaphilizo kwaNSFAS.

Bobabini uMphathiswa weMfundo ePhakamileyo uBlade Nzimande kunye nosihlalo webhodi yeNSFAS u-Ernest Khosa bazikhabile izityholo zokufumana izigidi zeerandi njengembuyekezo kubaboneleli-nkonzo abangenelwe yikontraka yesi sikimu.

USekela Mongameli we-ACDP uWayne Thring uthi indlela yolawulo ye-NSFAS kufuneka iphinde iqwalaselwe.

“I-ACDP ihlaba ikhwelo lokuba kulungiswe ngokupheleleyo ulawulo lwe-NSFAS. Sicela ukuba kuphunyezwe ulawulo lweziphumo, kunye nolawulo lomthetho ngokusebenzisa ii-arhente zethu zokulwa ezifana ne-SIU, i-NPA kunye namapolisa. Abemi boMzantsi Afrika badiniwe lurhwaphilizo olwenzakalisa abantu abangathathi ntweni nabajongelwe phantsi phakathi kwethu. Ngaba uphando kufuneka luqinisekise ukuba izityholo ziyinyani, iintloko kufuneka ziqengqeleke? ”

I-ACDP ePalamente ilamkele ikhefu lokuzithandela elithathwe nguSihlalo weBhodi ye-NSFAS u-Ernest Khosa.

UThring uthi uNzimande makalandele isikhokelo sikaKhosa.

UThring uthi, “Kumele kuqatshelwe ukuba iNSFAS inoxanduva lokuphatha imali engaphezulu kweebhiliyoni ezi-R6 ekusingatheni izibonelelo zabafundi. Kwaye ezi zityholo ngakuNzimande kunye noMnu Khosa ziza kamsinya nje emva kokugxothwa kwalowo wayesakuba yingqonyela yakwaNSFAS uAndile Nongogo nothe ngokungekho sikweni wanikezela ngeethenda kwiinkampani ezine. Abafundi baseMzantsi Afrika abacinezelekileyo bafanelwe ngcono.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA