UZuma uzibandakanye noMagashule kwikamva lezopolitiko

Owayesakuba ngumongameli welizwe loMzantsi Afrika uJacob Zuma uzibandakanye nelinye igosa eliphezulu lombutho olawulayo ngolwesiHlanu, bebhengeza imanyano yezopolitiko phambi konyulo, nto leyo ebethelela iAfrican National Congress.

UZuma, oneminyaka engama-81, kunye noAce Magashule, nowayengunobhala jikelele weANC, bathi kungekudala bazakutyhila izicwangciso zekamva lezopolitiko ngokubambisana.

Esi sibini, nabaphulukene nemisebenzi ngenxa yezityholo zorhwaphilizo, kutshanje baseka amaqela ahlukeneyo kucwangciso lonyulo jikelele oluza kuba phakathi kukaMeyi noAgasti walo nyaka.

Eli nyathelo lingaphinda linciphise inkxaso kwiANC, etsala nzima kuvoto kwaye ibona ukuba isabelo sayo sehla singaphantsi komyinge wamashumi amahlanu ekhulwini okokuqala oko kwathi kwangena ulawulo lwentando yesininzi ngo1994.

“Ngokwesimo sezopolitiko esikuyo ngoku, esi sibhengezo sinokuba yingozi kwiANC kuba abanaxesha lingako de kufike unyulo,” uHlengiwe Ndlovu, umhlohli kwisikolo solawulo saseWits eRhawutini uxelele iAFP.

“Nangona ezi nkokeli zimbini zinehlazo siyazi ukuba abavoti kwiindawo ezihlelelekileyo abakhathali.

Kule nyanga iphelileyo, uZuma ubhengeze uqhekeko olutsha kwi-ANC, efunga ukuba uza kugayela kwaye avotele umbutho omtsha woMkhonto WeSizwe (MK), ethiywe ngegama lephiko elidala lomkhosi we-ANC.

Owayesakuba yintloko yelizwe, engazange ayifihle inzondo yakhe ngendlela awagxothwa ngayo esikhundleni, uxelele inkomfa noonondaba ukuba “kuya kuba kukungcatsha” ukukhankasela i-ANC phantsi kwesekela lakhe umongameli uCyril Ramaphosa.

UMagashule, oneminyaka engama-64, wagxothwa kwiANC kulo nyaka uphelileyo ngenxa yezityholo zokurhwaphiliza kodwa usathandwa ngamalungu onyulo asekhohlo. Waseka i-ACT ngo-Agasti.

Umbhali kunye nomhlalutyi wezopolitiko uLeslie Dikeni uthe lo mfelandawonye mtsha ububungqina obungaphaya beyantlukwano enzulu kumbutho olawulayo.

Kodwa amathandabuzo asekho malunga nokuba ingabeka nayiphi na isoyikiso kwi-ANC, wongeze watsho uDikeni.

Umbutho we ANC ube segunyeni iminyaka engamashumi amathathu.
Ukanti i-ANC ikhe ike yasematheni ngenxa yezityholo zorhwaphilizo kunye nolawulo olugwenxa, phakathi koqoqosho olubuthathaka oluphazanyiswa kukucuthwa kombane, intswela-ngqesho nolwaphulo-mthetho olugqugqisayo.

Umbutho ka Marhashula i ACT uthi, Lo msitho uthembisa ukuba ngumzuzu obalulekileyo ekubumbeni imeko yezopolitiko, ukuzisa ixesha elitsha lentsebenziswano kunye notshintsho,”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
20.3 ° C
20.3 °
20.3 °
81 %
1.2kmh
93 %
Fri
35 °
Sat
28 °
Sun
19 °
Mon
20 °
Tue
20 °

EZITHANDWAYO INDABA