13 C
King William's Town
Sunday, October 5, 2025

Amaqela ezopolitiko akhalazela ukusilela kwePalamente ngokungaphaya kwe-R500 yezigidi zeerandi.

By Buhle Nomgalasa.

IMibutho yezopolitiko ikhala ngokunqongophala kwemali engaphaya kwamakhulu amahlanu ezigidi (R500 million) zeerandi yePalamente, ngelithi oku kuzawuphazamisa kakhulu umsebenzi wayo wokuba lilizwi ebantwini nokuba liqumrhu elisebenzayo lokongamela isigqeba esilawulayo.

I-MKP, icebisa ukuba imali eza kusetyenziswa kwikomishoni entsha yophando emapoliseni mayithunyelwe ePalamente.

Ijonge indlela eyasebenza ngayo ngexesha lengxoxo ngevoti yohlahlo lwabiwo-mali lwePalamente ezibhiliyoni ezingama-R3.6 zeerandi, amaqela kulo lonke icandelo athe ukuthembela koluntu kwindlu yowiso-mthetho kuphantsi kakhulu.

IPalamente iyasilela ukuhambelana nesantya sokuphendula kuphuhliso loluntu. UDes van Rooyen weMK Party uthe lihlazo ukuba iPalamente kufuneka ithethele indlala kwaye ixhomekeke kwisigqeba esilawulayo kuhlahlo lwabiwo-mali lwayo.

UVuyo Zungula weAfrican Transformation Movement (ATM) ungqinile koku.

Njengoko iikomiti zasepalamente zabelwe uhlahlo lwabiwo-mali lwezigidi ezintathu zeerandi zonyaka, umbhexeshi oyintloko weFreedom Front (FF) Plus, uHeloise Denner, uthe intatho-nxaxheba yoluntu ithathwa njengesitampu serabha.

“Ilizwi esilenza egameni lo msebenzi wethu lilahlekile kwaye alihoywa ngenxa yokufuna ukufumana amanqaku ezopolitiko.”

UNobuntu Hlazo-Webster weBuild One South Africa (BOSA) uthe iPalamente ibonakala ithandabuza ukukhawulelana nale meko, kwaye endaweni yoko, abemi beli ngabo abaphuma ezitalatweni bephakamela ilizwe labo.

“Oku kusilela kucace gca ngokungafuni kwePalamente ukusungula uphando olululo malunga nokubandakanyeka kukaMphathiswa uNobuhle Nkabane kumanyundululu ebhodi yeSETA [Sector Education and Training Authority].”

U-Kgosi Letlape weActionSA uthe umbutho wakhe awuzuluxhasa uhlahlo lwabiwo-mali olungaxhaswanga ngemali kuba iPalamente izibekela ukusilela.

UMakashule Gana weRise Mzansi uthe iPalamente kufuneka ifumane umqolo kolu lawulo, njengoko ikhula imbono kawonke-wonke yokuba ithambile kakhulu kwisigqeba namagosa angaphumeleliyo ekufezekiseni iinkonzo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
13 ° C
13 °
13 °
68 %
4.1kmh
72 %
Sun
23 °
Mon
26 °
Tue
23 °
Wed
25 °
Thu
21 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks