14.3 C
King William's Town
Thursday, October 2, 2025

IPhulo lokuvala uvukengceni weKholeji beliqhuba, eMonti.

By Asemahle Mbete.

ISebe elikhokelwa nguSekela Mphathiswa, uGqirha Mimmy Gondwe, iNkonzo yesiPolisa yoMzantsi Afrika (SAPS) kunye noMalusi batyelele ezinye zeekholeji ezisebenza eMonti, eMpuma Koloni ngeenjongo zokubeka iliso ekuthotyelweni kwemigaqo. USekela Mphathiswa uvakalise inkxalabo kwezinye zeekholeji ezisilelayo ukufikelela kwi migangatho esezantsi yokuthotyelwa kwemigaqo.

Urhulumente uzama ukunqanda izikolo zomgunyathi eziqhatha abafundi. Ezi zikolo zithembisa ngemfundo esemgangathweni kodwa aziphumeleli. Emva kokutyelela iRhawuti neKapa, ngoku baseMonti ukuqubisana nale ngxaki.

Eli phulo alikhathaleli kuphela umgangatho wokufundisa nokufunda, likwajolise nakwimiba yokhuseleko enxulumene nolwakhiwo lweziko lemfundo.

UGondwe uthi kukho izinto ezixhalabisayo eziye zafunyanwa kwezinye zeekholeji abazindwendweleyo.

Kukho amaziko asebenza njengeekholeji kunye namaziko okubhala kwakhona imatriki kwaye akusiyo indlela ebekufanele ukuba yenzeke ngayo, kwaye iziko lesithathu nalo belingekabhaliswa ukuba liphinde libhale kwakhona imatriki, phezu koko bathi bayekile ukusebenza ngabafundi bebanga leshumi kunyaka ophelileyo.

Uluntu lulunyukisiwe ngeempawu ekufuneka luziqwalasele xa bebhalisa kulamaziko. UMphathi oMkhulu kwiSouth African Qualifications Authority (SAQA), uJapie Nel uthi kunyanzelekile ukuba amaziko abonise izatifikethi zawo zobhaliso kwindawo ebonakalayo ukuze uluntu lubone.

“Bangaya kumnatha weSAQA, sinawo amagama ezi kholeji apho banokungqinisisa ukuba la maziko abafundakuwo asemthethweni. Kufuneka bajonge umhla wesiqinisekiso ukuze iiKholeji zingaziniki iziqinisekiso ezingabhaliswanga,” utshilo uNel.

Eli phulo liza kwenziwa kwiindawo ezahlukeneyo zelizwe, unyaka wonke.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
14.3 ° C
14.3 °
14.3 °
82 %
6.5kmh
67 %
Thu
15 °
Fri
16 °
Sat
33 °
Sun
24 °
Mon
24 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks