By Sophumelela Singqota
Bamalunga ne-100 ootitshala baseMpuma Koloni abaxelwe kwibhodi yabo yolawulo ngokungaziphathi kakuhle, okubandakanya ukuxhatshazwa ngokwesondo kwabafundi kunye nokohlwaywa ngokubethwa, kunyaka-mali ka-2023/24 no-2024/25.
IBhunga looTitshala laseMzantsi Afrika (i-Sace) linike ingxelo yokuba ukuxhatshazwa ngokwesondo kubangele uninzi lwamatyala okuziphatha kakubi kootitshala arekhodiweyo kunyaka-mali ka-2023/24 no-2024/25, amatyala angama-42 nama-32 ngokulandelelanayo, kumatyala angama-606 ewonke. Nangona i-Sace ingenalo igunya lokulawula ukuqeshwa kootitshala, ibhunga lihlala libamba ucweyo lokuqeqesha ootitshala ngeenqobo ezisesikweni zobungcali. Iirekhodi zika-2024/25 zikwabonise ukonyuka okuncinci kohlaselo, ukohlwaywa ngokwasemzimbeni kwabafundi, ukuxhatshazwa ngokwesondo, kunye nolunye uhlobo lokuziphatha kakubi, luqaqambisa imfuno engxamisekileyo yophuhliso olungcono lobuchwephesha malunga nokuziphatha okuhle.
Abafundisi-ntsapho abangamadoda ngaphezu kwabasetyhini bafunyenwe betyeshele umgaqo weenkqubo ezisesikweni, kunye nokwanda kwamatyala achasene nabasetyhini nabantwana eluntwini, iSace ibeke phambili ukujongana nale miba. Itshantliziyo lamalungelo abantwana uPetros Majola ugxininise ukubaluleka koqeqesho kwangethuba noluqhubekekayo lweenqubo ezisesikweni kubafundisi-ntsapho. Uthe, “Ndiza kuhlala ndicebisa ukuba, xa ootishala besekuqeqesho okanye kumaziko emfundo kwilizwe liphela, mabangene kwiinkqubo ezithile ezijolise ekubaxhobiseni ngolwazi lomthetho.”
Isithethi sesebe lezemfundo ephondweni uMalibongwe Mtima umemelele intsebenziswano eqinile ukulwa le ngxaki watsho waqaqambisa iinzame zamva nje zokusebenzisana neSace kulandela iingxelo zomhlola. Itshantliziyo elilwela ubundlobongela obusekelwe kwisini uAsonele Melapi uchaze ukwanda kokuziphatha kakubi ngokwesondo nokohlwaywa emzimbeni “njengokothusayo,” esithi, “Kwanetyala elinye lininzi kakhulu.” UMelapi ugxininise ukuba uhlaselo ngokwesondo “lumela olona lwaphulo-mthetho lukhulu ekunokuthenjelwa ngalo” kwaye wabongoza iindlela ezingcono zothintelo, ukunika ingxelo kunye nokuziphatha ukukhusela abafundi nokubuyisela ukuthenjwa ezikolweni.
Ingqonyela yeNaptosa uLoyiso Mbinda uncome ezo ziganeko zokuxelwa kwengxelo watsho esithi makubekho uhlolo olungqongqo, uqeqesho oluqhubekayo, kunye neenkqubo zenkxaso kumaxhoba. Uthe, “Sibongoza ootitshala ukuba baphakamise eyona migangatho iphezulu yobungcali kunye nentlonipho yamalungelo kunye nesidima sabafundi”. UMbinda uqinisekise ukuzinikela kweNaptosa ekusebenzisaneni nabachaphazelekayo ukuqinisekisa ukuba iindawo zokufunda ezikhuselekileyo nezixhasayo ezingenaxhatshazo kunye nokuziphatha kakubi.

