By Esona Magawana
I-Border Management Authority (BMA) inike ingxelo ngekota yesibini ka2025 ngexesha lendibano noonondaba ePitoli ngeCawe. Ingxelo ibonakalisa ukuba bangaphezu kwamawaka asibhozo (8,000) abantu abazame ukungena eMzantsi Afrika ngokungekho mthethweni kwikota yesibini yalo nyaka.
Umkomishinala we-BMA uMichael Masiapato uthe kwabo babanjwe bezama ukungena ngokungekho mthethweni, malunga namawaka amane (4,000) ayinamaphepha, i-2,000 ayivumelekanga kwaye phantse i-2,000 ibhaliswe njengabangafunekiyo. Wongeze ngelithi ukusetyenziswa kweedrones kudlale indima ebalulekileyo ekubambeni abo bazama ukuwela imida.
UMasiapato uthi uninzi lwabantu ababanqande ukuwela uMzantsi Afrika baphuma eLesotho. “Njengokuba kuhlale kusenzeka ngokweenkcukacha zembali nobungqina, uninzi lwabantu ababanjiweyo kule kota yesibini bebekhokelwa ngabemi baseLesotho, belandelwa ngabemi baseMozambique, baseZimbabwe, kwakunye nabemi baseSwati. Utshilo uMasiapato.

