By Lilitha Phenduka.
Amaxabiso okurenta anyuke kakhulu kwilizwe loMzantsi Afrika liphela nto leyo ebangele ukuba abantu bangene nzulu ezipokothweni zabo ukuze bahlawule amatyala abo.
Ngokwengxelo ezikhutshwe kwi-PayProp Rental Indexes ukusuka kwikota yesine ngonyaka-mali ka 2014 (Q4) ukuya kwikota yesine kunyaka-mali ka 2024 (Q4), ngokomndilili, irenti inyuke phantse ngamashumi amane anesithandathu eepesenti (46%) kuzwelonke, kunye namaphondo athile angqina ukunyuka.
Ngo-2014, umndilili werenti kazwelonke ubume ku-R6,207. Ngo-2024, inyuke wayokuthi ga kwi-R9,051, nto leyo ephawula ukunyuka nge-45.8% kwiminyaka elishumi (10).
USisipho Nomtanana osebenza eMonti ubhatala irenti engange R1800 kuquka nedipozithi yeR1000 kwinyanga yokuqala. Uye wabelana nathi ukuba uhlala nomntu obhatala imali efanayo kunye nabantu abasibhozo (8) kwindlu iphela.
Omnye umhlali uchaze ngobunzima adibana nabo kwimali yerenti ayihlawulayo eMonti xa ethelekisa neBhayi.
“Uzakube unethamsanqa ukuba ungafumana indawo enexabiso eliphantsi nekhuselekileyo eMonti, ndikholelwa ekubeni ngoku uninzi lwezindlu lufake izicelo kwinkxaso-mali yabafundi (NSFAS) lonto ithetha ukuba sishiyekea sineendawo ezimbalwa kwaye akukho nto sinokuyenza ngaphandle kokuba sihlale kwezo zinamaxabiso aphezulu.”
Iingxelo zikwachaza ukuba abanye abantu bathatha isigqibo sokwakha amatyotyombe kunokuba bahlawule irenti eninzi ngelixa befumana imirholo engakholisiyo. Kodwa ngaphandle kokuhla kwenani labaqeshi abasemva ngentlawulo, abaqeshi abashiyekileyo kwiintlawulo bawela ngakumbi ematyaleni.

