URadiopane ujongene nokuhamba, ingaba uLepasa uyashiyeka yena.

By Asipile Kitchen.

I-Orlando Pirates ithathe isigqibo sokumgcina uZakhele Lepasa nongumbethi (striker) weliqela, nto leyo izokubumba umgca wabo ophezulu wokuhlasela ngokokutsha. Ukuhlala kukaLepasa nokukhangelwa kombethi omtsha kweliqela kungathetha ukuba iPirates kufuneke ikhangele omnye umdlali ophezulu. Abasemagunyeni kweliqela basavavanya inketho zabo ukuqinisekisa iyunithi elungeneleleyo nokhuphiswano.

UBoitumelo Radiopane ujongene nekamva elingaqinisekanga kwi-Orlando Pirates nangengoko eliqela lilungiselela ukuhlaziya uhlaselo lwabo. Kubenzima ukungqinelanisa amaxesha emidlalo into emenze washiya ngasemva kwezinye italente ezifana noRelebohile Mofokeng noMohau Nkota ngokokulandelelana kwabo. Ukuphendula, amabhakabhaka asajonga inketha zawo ngenkuthalo, asaqwalasela ukuba angabolekisa ngaye na okanye bamkhulule ahambe ukuvula esinye isithuba kweliqela.

“Umdlali onochaphazeleka kukuhlala kukaZakhele (Lepasa) nguBoitumelo (Radiopane). Eli qela lijonge ukubolekisa ngaye kwakhona. Kunzima ku Radiopane nanjengoko ebelinikiwe ithuba lokudlala azozingqina kodwa izinto azikahambi njengoba bekucwangcisiwe “.

Ngokokutsho kwe-The South African eli qela alizinzanga ekumgcineni uLepasa, basakhangela omnye umdlali ozongena kweliqela. Abanqolobi beliqela bathi sebekhona abadlali abathembisayo abasebabonile nabaquka uYanele Mbhuthuma waseRichards Bay, beqaqambisa ukuzinikela kwabo ekomelezeni eliqela. Ngokongeza omnye umdlali kweliqela, iPirates izimisele ukwenza kubekho ukhuphiswano phakathi kwabadlali bayo into ezokunyusa izinga lokusebenza kwabo.

“Ewe iqela licwangcise ukuzisa omnye umdlali kwaye sebezichongile ezinye inketho zabo, eziquka uMbhuthuma (Yanele). Yiyo lonto ke befuna ukubolekisa ngoRadiopane okanye bamkhulule. Bafuna abadlali abazokhuphisana,” yongeze yatsho i-Source.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA