17.8 C
King William's Town
Wednesday, December 4, 2024

Amazwe angaphandle ayothuka yintswela-ngqesho engaka eMzantsi Afrika

Ingxelo yeZizwe eziManyeneyo (UN) idize ukuba uMzantsi Afrika unengxaki eyothusayo yentswela-ngqesho kulutsha kummandla weSouthern African Development Community, (SADC) imemelela imigaqo-nkqubo eza kunceda ukuvala lo msantsa.

INkqubo yoPhuhliso yeZizwe eziManyeneyo kunye neBhunga loPhando lweNzululwazi yoLuntu baphehlelele iNgxelo yoPhuhliso loLuntu yoMzantsi Afrika yonyaka wama-2022. Ingxelo ihlola ukungasebenzi kolutsha kwimbono yophuhliso lwabantu, igxininisa impembelelo yayo kuphuhliso olubalulekileyo kunye nemiphumo. Yamkelwa nguSekela Mongameli uPaul Mashatile ovumileyo ukuba kusekuninzi ekufuneka kwenziwe.

Lengxelo ibonisa ukuba elilizwe lihamba phambili ngenani eliphezulu labantu abatsha abangaphangeliyo ngesantya esingaphaya kwe-60% xa sithelekisa ne-21% yaseBrazil naseChina kwakunye no-16% waseRussia. Intswela-ngqesho kulutsha ichazwe njengomngeni obalulekileyo wophuhliso eMzantsi Afrika ofuna iimpendulo ekujoliswe kuzo.

Ingxelo: Zimbini Mdolomba

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
17.8 ° C
17.8 °
17.8 °
75 %
0.7kmh
65 %
Wed
24 °
Thu
21 °
Fri
29 °
Sat
23 °
Sun
30 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks