15.2 C
King William's Town
Thursday, November 30, 2023

UNjengele kunye nesigqeba sakhe sophuhliso eMpuma Koloni, bathi phantsi ngolwaphulo-mthetho

Ngenxa yamanqanaba akhulayo olwaphulo-mthetho olunobundlobongela obenzeka kwisithili sase-OR Tambo kwiphondo leMpuma Koloni, inkokheli yeqela lezopolitiko iUDM uBantu Holomisa nesigqeba seEastern Cape Development Forum bebebambe igqungquthela eququzelela ukulwa lomba wolwaphulo-mthetho.

Ebiphezulu kwi-ajenda, ngethuba lendibano yothethathethwano namahlakani amaninzi nebizinyaswe liSebe lezoMthetho nabaphathi abaphezulu baMapolisa oMzantsi Afrika (SAPS) kuchatshazelwe imiba yolwaphulomthetho hayi eMtata kuphela kodwa neziphaluka eMpuma Koloni.

Oluthethathethwano nolwalubanje ngoLwesithathu, umhla we26 kweyeKhala 2023 eMthatha luqalwe lilungu lePalamente, Mnu Bantu Holomisa, nomemelele ukuba kungenelele abaphathiswa kwesi sithili ukanti lentlanganiso ibizinyaswe ngabaphathi bezikhululo zezithili zamapolisa abangaphaya kweshumi elinesibhozo(18) abathe bathethathethana neenkokeli zabahlali, abezoshishino, abameli bezenkolo nabanye abachaphazelekayo, bememelela ukuba kungenelelwe ngokungxamisekileyo kwesi sithili ukuze kuxhaswe ngcono umsebenzi wamapolisa.

Ukubulala, ubundlobongela obusekelwe kwisini, ukukhuthuzwa kwamashishini kunye neendawo zokuhlala, ubuqhetseba bamashishini, iziyobisi kunye nokuxhwila, zezona zinkqenkqeza phambili kwaye zixakile kwesisithili sase OR Tambo.

Umphathiswa wamaPolisa uNjengele Bheki Cele umemelele ukuba kuqwalaselwe ngokokutsha iindlela ekusetyenzwa ngayo ngamapolisa kunye nomthamo wabasebenzi kwizikhululo ezithathu eziphezulu zolwaphulo-mthetho kwisithili. Ukwathe into yaseMtata ayimothusi uyayazi nanjengoko esoloko ethe gqolo ukutyelela.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
15.2 ° C
15.2 °
15.2 °
29 %
2.4kmh
15 %
Thu
31 °
Fri
42 °
Sat
29 °
Sun
30 °
Mon
25 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks