Umbhoxo wabasetyhini oMzantsi Afrika adlala ngabadlali abasixhenxe ebaleni naba bethabatha inxaxheba kwiWorld Rugby Series HSBC Sevens, badlale kakuhle kakhulu kuleNdebe.
Le midlalo ibidlalelwa eSingapore iqale ngolwesihlanu umhla wesithathu (03) kulenyanga kaCanzibe 2024. Iintshinga ezintsha zalendebe ibe ngamagqiyazana aseArgentina.
Iqela lalapha eMzantsi Afrika lamantombazana omboxo libethe iqela laseMelika ngamanqaku amahlanu eqandeni (5-0) kunjalo nje balale nje kwakanye emgceni kwabe konke kuphelile ngeMelika. UMzantsi Afrika uphumelele imidlalo mithathu yaze yabethwa kwimidlalo emibini kwimidlalo emihlanu eyidlalileyo kule tumente.
Igqiyazana uTshiremba, ulele emgceni izihlandlo ezininzi kuletumente enceda eliqela leeSevens labasetyhini.
Umqeqeqeshi uRenfred Dazel uthi wonwabile yindlela iqela lakhe elidlale ngayo utsho esithi bayaqala ukuphumelela imidlalo emithathu kwitumente enye. Iphele itumente iqela loMzantsi likwindawo yethoba.
Ukhumbule ukuba eliqela loMzantsi lamabhinqa libethe iMelika izihlandlo ezimbini kuletumente, iMelika baqale bayibetha kwimidlalo yePool nalapho bayibethe ngamanqaku alishumi elinesine kwishumi elinesibini (14-12). Komnye umdlalo babethe ilizwe laseSpain ngamanqaku angamashumi amabini anesithandathu kwishumi elinesine (26-14).
Ukhumbule ukuba iMelika ifike kuluhlu lamaqela kuletumente ikwindawo yesine emva kokuphumelela isilivele eHong Kong kwinyanga edlulileyo.
Kungoku nje iqela loMzantsi lizakube liyokudlala eSpain ngale mpela-nyanga kaCanzibe apho liza kuyokuzama ukuzibekela indawo kwiMadrid nalapho kulindeleke ukuba liqubisane namaqela amane iUganda, Argentina, Belgium kunye neChina.
Amagqiyazana oMzantsi azakuqwela ngokuya kuthabatha inxaxheba okokuqala ngqa kwiiOlimpiki eParis kwilizwe laseFrance ngenyanga yekhala kulonyaka.
Umqeqeshi weliqela leeSevens loMzantsi uthi iqela lakhe belibonakala lidiniwe kodwa laqhubela phambili, watsho esithi amanye amagqiyazana ebeqala ukudlala kwiindawo ebebedlala kuzo umzekelo uAyanda Malinga ebeqala ukudlala njengeProp.
UDazel uthi bebenalo ithuba lokudlala kumaqela asibhozo kodwa ngenxa yokubhaxabulwa kakhulu kwimidlalo emibini yokugqibela kuluhlu lwabo baliphosile elothuba kuba iFrance neJapan zizo ezibathele induku ngamandla egeza.
Siphiwo Buqwana.