15.2 C
King William's Town
Thursday, November 30, 2023

Avele enkundleni amadoda amababini ngezityholo zokubulala ngezembe eNelson Mandela Bay

Amadoda amabini atyholwa ngokubulala indoda eneminyaka engamashumi amathandathu ubudala yaseKabega Park eGqeberha asilahlile isicelo sawo sebheyile.

U-Ivan Pokbas, 38, kunye noRiaan Potgieter, 32, bavele ngokufutshane kwiNkundla kaMantyi yesixeko ngoLwesibini.

Urhulumente utyhola ngelithi benze ngeenjongo ezifanayo ngethuba bebulala uLindsay John Humm emva kokuqhekeza umzi wakhe eVan Plettenberg Street ngentseni yangeCawe.

Kuthiwa bangene endlwini ngokuvula ngenkani ucango olutyibilikayo.

Amapolisa afumanisa umzimba kaHumm enenxeba elinzulu entloko.

Ipiki (Pickaxe) ekutyholwa ukuba yayisetyenziselwa ukumbulala yabhaqwa ecaleni kwebhedi.

Ngaphandle kokubulala, abatyholwa akwajongene nezityholo zokuphanga esebenzisa imeko embi, ukuqhekeza ngenjongo yokuba, nobusela.

Amalungu omkhosi waseKabega abambe abarhanelwa babini kamva ezinzulwini zobusuku.

Bathe xa begqogqa iibhegi zabo babhaqa iimbasa, ukutya, amayeza, icuba, kunye nebhegi yelaptop enelaptop kunye netshaja yayo.

Uphando olongezelelweyo ngamapolisa lwakhokelela ekufumaneni umzimba kaHumm.

Ityala lihlehliselwe umhla wesibhozo kwinyanga yoMnga ukuze kuqhutyekwe nophando.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
15.2 ° C
15.2 °
15.2 °
29 %
2.4kmh
15 %
Thu
31 °
Fri
42 °
Sat
29 °
Sun
30 °
Mon
25 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks