12.6 C
King William's Town
Thursday, October 2, 2025

Ayonelisi intatho-nxaxheba yoluntu kuMthetho osaYilwayo wokuThathwa koMhlaba: IRR

Iziko lobudlelwane bobuhlanga (IRR) liwugxekile uMthetho osaYilwayo wokuThathwa koMhlaba, lisithi awuhambisani nomgaqo-siseko. Eliziko licele umongameli uCyril Ramaphosa ukuba angawutyikityi lo mthetho usayilwayo ube ngumthetho.

Amanye amaqela oluntu agrogrise ngokucela umngeni kuMthetho osaYilwayo, owaphunyezwa yiPalamente ngenyanga yoKwindla. UMthetho osaYilwayo uvumela urhulumente ukuba athathele kuye umhlaba phantsi kweemeko ezithile.

UManejala wephulo le-IRR uMakone Maja uthi, indlela ekuye kwaququzelelwa ngayo uthatho-nxaxheba loluntu ekuqulunqeni lo Mthetho uYilwayo ayanelanga.

“Ke ukuba ujonga, umzekelo, isixhobo sovavanyo lwempembelelo yezentlalo noqoqosho ekufuneka iPalamente isise ekulinganiseni nasekuvavanyeni umngcipheko ngaphakathi koMthetho osaYilwayo, esi sixhobo siqaqambisa ngakumbi iimpembelelo zemali ezinokubakho zokuwisa uMthetho osaYilwayo, kunye nendlela ochaphazela ngayo ezoqoqosho, kwaye inika iPalamente igunya lokusebenzisa esi sixhobo ukuze uxelele uluntu malunga neziphumo eziya kuwiswa ngokusemthethweni lo Mthetho uYilwayo.” uvale ngelitshoyo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
12.6 ° C
12.6 °
12.6 °
79 %
6.8kmh
100 %
Thu
15 °
Fri
16 °
Sat
33 °
Sun
24 °
Mon
28 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks