UBULEWE YINDODA ATHANDANA NAYO USIHLE DUMEKUDE WASE MOLTENO.

Kubhubhe intwazana yosapho lakwaDumekude ebineminyaka elishumi elinesibhozo (18) ubudala kwiLokishi yaseMarikana, eMolteno. Umrhanelwa ibingumntu othandana nalentwazana kwaye kukrokreleka ukuba oku ukwenze ngomhla wesithathu kuCanzibe 2024.   

Ubanjiwe umrhanelwa kwaye bekulindeleke ukuba avele phambi koMantyi izolo umhla wesithandathu kule kaCanzibe inyanga 2024.  

UMama kaSihle Dumekude, ixhoba, nobesaziwa ngegama likaMhimhi, uthi intombi yakhe ibiyokuthathwa ekhayeni layo eMarikana ngumfana obethandana naye, ngoLwesihlanu umhla wesithathu kule kaCanzibe inyanga. Emveni koko umzali uzokothuka xa kufika amaPolisa ezinzulwini zobusuku ngomgqibelo, phakathi kwentsimbi yeshumi elinesibini nentsimbi yokuqala.  

Uthathiwe umama wasiwa kwilokishi yaseNxomfu, kanti usiwa apho kuhlala khona lomfana uthandana nentombi yakhe. 

Eyona nto imlimaze umphefumli umama kaSihle kukuthi ntla ngenqwelo yakwaForensic eye ifike ngokuzakulanda umzimba womntu obhubhileyo, kanti izokulanda umntwana wakhe. Wafika umzali sekuthe chasi nabantu ababukeleyo. 

Akakwazi ukuzibamba xa ebona umzimba wentombi yakhe engu Sihle Dumekude (Mhimhi) ugqunyiwe sengasaphefumli, wasothula sakrakra isikhalo. 

Isimo ebekuso uSihle: 

Intloko ibisele idumbile, ityhufutyhufu, xa umjonga emzimbeni enemivumba ekukholelwa ukuba ingathi ebebethwa ngemvubu okanye mhlawumbi icingo, kwaye kuyacaca ukuba uqale wakhululiswa wahamba ze phambi kokuba abethwe, seshiyeke nje ngempahla yasebukhweni. 

Ingxelo ithi ubethwe wabulawa ngulomfana ebethandana naye, oqikelelwa kwiminyaka engamashumi amabini anesibhozo ubudala. Kuphawuleka ukuba intlalo yothando phakathi koSihle neqabane lakhe ibingasekho ntle kwaphela, kuba ngomvulo wamashumi amabini anethoba, intombi le ifike yabalisela umzali wayo ukuba lo mfana uyibethe ubusuku bonke bangeCawa, eyibethela umfana awayethandana naye, nasele wohlukana naye. Uthi intombi ibengamcacisela ukuba ayisathandani nalo mfana, kodwa waqhubekeka embetha ubusuku bonke, lo mfana esithi kwintombi yakhe kungcono ndikubulale ukwenzela ungafunyanwa nangomnye umntu. 

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
20.3 ° C
20.3 °
20.3 °
91 %
0.4kmh
96 %
Sat
27 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
25 °

EZITHANDWAYO INDABA